1KEKALOKU ama‐Filistiya alwa no‐Sirayeli; aza amadoda akwa‐Sirayeli esaba pambi kwama‐Filistiya, awa ehlatyiwe entabeni ye‐Giliboha. 2Asuka ama‐Filistiya ati nama ukulandela u‐Saule nonyana bake; ada ama‐Filistiya abulala u‐Jonatane, no‐Abinadabi, no‐Maleki‐shuha, onyana baka‐Saule. 3Kwabekunzima ke ukulwa pezu kwo‐Saule, bati abo batola ngesipeta bamcana; waza watutumela ngenxa yabatoli. 4Wandula u‐Saule wati kumtwali wezixo̔bo zake: Ṙo̔la iṙele lako, undihlabe ngalo; hleze aba bangalukileyo beze, badlale ngam. Kodwa umtwali wezixo̔bo zake ebengavumi; ngokuba ebesoyika kakulu. Waza u‐Saule watabata iṙele, wawa pezu kwalo. 5Wati umtwali wezixo̔bo zake, akubona ukuba u‐Saule ufile, wawa naye pezu kweṙele, wafa ke. 6Kwa njalo wabuba u‐Saule, nonyana bake bobatatu, nayo yonke indlu yake kwa kunye babuba.
7Ati akubona onke amadoda akwa‐Sirayeli abesemhlanjeni, ukuba esabile, nokuba u‐Saule nonyana bake bafile, andula ashiya izixeko zawo, esaba nawo; ati ama‐Filistiya eza ahlala kuzo.
8Kwaye kute ngomnye umhla, akufika ama‐Filistiya ukuhluba abahlatyiweyo, afumana u‐Saule nonyana bake belele entabeni ye‐Giliboha. 9Aza amhluba ke, atabata intloko yake, nezixo̔bo zake, atumela elizweni lama‐Filistiya elingqongayo, ukushumayela kwizitixo zawo nasebantwini. 10Kekaloku izixo̔bo zake azibeka endlwini yotixo wawo, nentloko yake ayibetela endlwini ka‐Dagone.
11Bati bakuva bonke abase‐Yabeshe‐gileyadi oko konke akwenzileyo ama‐Filistiya ku‐Saule, 12bandul’ ukusuka bonke abangamaṙoti, basusa isidumbu sika‐Saule, nezidumbu zonyana bake, bazizisa e‐Yabeshe: baza bawancw̔aba amatambo abo ngapantsi kwomkoba e‐Yabeshe, bazila ukutya intsuku zasixe̔nxe.
13Kwa njalo wabuba u‐Saule ngesigqito sake wagqita ngaso ngakuye uyehova, ngakulo ilizwi likayehova, elo abengaligcinanga; nangokuba wacebisana nomshologu, kuze kubuzwe kuwo; 14engabuzanga nje kuyehova: wati ke ngoko wamfisa, nobukumkani wabuguqulela ku‐Davide unyana ka‐Jese.