UMSEBENZI WABATHUNYWA 6
Ukumiselwa kwabancedisi
1Kwathi kwakubon' ukuba liyanda inani labalandeli bakaYesu, kwavela ukungevisisani phakathi kwamaJuda athetha isiGrike kwanamaJuda athetha olweenkobe. AmaJuda athetha isiGrike akhalazela ukuba abahlolokazi bawo àbamkeliswa kakuhle kwimali yenkxaso yemihla ngemihla. 2*Abathunywa abalishumi elinambini balihlanganisa ibandla lilonke, bathi kulo: “Asinto intle kuthi ukuba sikuyekelele ukushumayela ilizwi likaThixo ngenxa yokuzixakekisa ngomsebenzi wokwabela abasweleyo. 3Ngoko ke, mawethu, khethani amadoda abe sixhenxe phakathi kwenu, awaziwa ngokuzaliswa nguMoya oyiNgcwele nangobulumko; thina ke siwamisele kulo msebenzi. 4Ngalinye ke, thina siya kuzinikela ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela nasemithandazweni.”
5Isiphakamiso sabathunywa samkeleka kubo bonke; baza ke banyula aba: uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkuro, noNikano, noTimon, noParmena, kwakunye noNikolawo waseAntiyokwe owayengumngeni-buJudeni. 6Aba ke banikelwa kubathunywa, baza bona babamisela ngokubathandazela nokubabeka izandla.
7Laya lisanda ke ilizwi likaThixo, laza ke nenani labalandeli bakaYesu lakhula kakhulu eJerusalem, kwabakho neqela lababingeleli elazinikelayo eNkosini.
Ukubanjwa kukaStefano
8UStefano, indoda eyayisikelelwe nguThixo, izele ngamandla, wênza imiqondiso nemimangaliso phakathi kwabantu. 9Aza amadoda athile amchasa. Wona ayedla ngokuhlangana *endlwini yesikhungo ekuthiwa yeyamakhoboka akhululekileyo. AyengamaJuda avela eKirene naseAlesandriya. Wona namaJuda aseKiliki nawaseAsiya axambulisana noStefano. 10Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye. 11Baza ke bafunza amadoda athile, khon' ukuze athi: “Thina simve ethetha kakubi ngoMosis nangoThixo.” 12Ngale ndlela bamenza wavukelwa ngabantu, nangabadala, nangabachazi-mthetho. Bamqubula uStefano, bamthatha bamsa entlanganisweni *yeBhunga. 13Bezisa namanye amadoda athetha ubuxoki ngaye, athi: “Le ndoda isoloko ithetha ngokuchaseneyo *nendlu kaThixo *nangomthetho kaMosis. 14Kuba samva esithi lo Yesu waseNazarete uya kuyitshabalalisa indlu kaThixo, awatshintshe namasiko esawafumana kuMosis.” 15Bonke abo babehleli entlanganisweni bamthi ntsho ngamehlo uStefano, baza babubona ubuso bakhe bunjengobesithunywa sezulu.
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.