Ingoma yomsitho wakomkhulu
Kumongameli: ngeyeenyibiba. Eyoonyana bakaKora; eyokuqiqa. Ingoma yeentánda.
1Intliziyo yam iphuphuma ilizwi elihle,
Ndisithi, Into endiyenzayo isingise kukumkani;
Ulwimi lwam lusiba lombhali okhawulezayo.
2Ùmhle wamhle ngaphezu koonyana babantu;
Kugalelwe ubumnandi emlonyeni wakho;
Ngenxa yoko úkusikelele uThixo wakho ngonaphakade.
3Bhinqa ikrele lakho ethangéni, gorha,
Bhinqa indili yakho nobungangamela bakho.
4Tyhudisa, ukhwele uhambe, únobungangamela bakho,
Ngenxa yenyaniso, nolulamo olunobulungisa.
Sikuyale ngezinto ezoyikekayo isandla sakho sokunene.
5Iintolo zakho zitsolile;
Kuya kuwa izizwe phantsi kwakho;
Zitsolile entliziyweni yeentshaba zokumkani.
6Itrone yakho, itrone kaThixo, ingunaphakade kanaphakade;
Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.
7Ùthanda ubulungisa, uthiyé okungendawo;
Ngenxa yoko úkuthambisile uThixo, uThixo wakho,
Ngeoli yemihlali ngaphezu kwabalingane bakho.
8Ziyimore• nehaloti• nekasiya• iingubo zakho zonke;
Emabhotweni eempondo zeendlovu uhadi lukuvuyisile.
9Kukho iintombi zokumkani phakathi kwabathandekayo bakho;
Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho,
Enxibe igolide ecikizekileyo yakwaOfire.
10Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho,
Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;
11Akùbunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani,
Wòqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.
12Intombi enguTire, izityebi zabantu,
Ziya kukuncekelela ngomnikelo.
13Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi.
Isambatho sayo sesilukwe igolide.
14Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele;
Ziyilandela iintombi ezingowayo,
Zisiwa kuwe,
15Zisiwa ngovuyo nangomgcobo,
Zingene ebhotweni lokumkani.
16Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho;
Ùya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.
17Ndiya kulikhankanya igama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana zonke;
Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe ngonaphakade kanaphakade.