Umthandazo wokucela ugcino nokuxolelwa
EkaDavide.
1Ndiwuphakamisela kuwe, Yehova, umphefumlo wam.
2Thixo wam, ndikholosé ngawe,
Mandingadani;
Mazingandivuyeleli iintshaba zam.
3Ewe, bonke abo bakuthembayo abayi kudana;
Kuya kudana abo banginiza ngelizé.
4Ndázise iindlela zakho, Yehova,
Ndífundise umendo wakho.
5Ndínyathelise enyanisweni yakho, undifundise;
Ngokuba ùnguThixo ongumsindisi wam;
Ndithembé wena yonke imihla.
6Khumbula iimfesane zakho, Yehova, neenceba zakho;
Ngokuba kususela kwaphakade zikho.
7Musa ukuzikhumbula izono zobutsha bam, nokreqo lwam;
Ndíkhumbule ngokwenceba yakho wena,
Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.
8Úlungile, uthe tye uYehova;
Ngenxa yoko úyabayalela indlela aboni.
9Úyabanyathelisa abalulamileyo emasikweni akhe,
Abafundise abalulamileyo indlela yakhe.
10Zonke iindlela zikaYehova ziyinceba nenyaniso,
Kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zakhe.
11Ngenxa yegama lakho, Yehova, xolela ubugwenxa bam,
Ngokuba bukhulu bona.
12Ngubani na ke umntu omoyikayo uYehova?
Wómyalela indlela aya kuyinyula.
13Umphefumlo wakhe wohlala wonwabile,
Imbewu yakhe ilidle ilifa ilizwe.
14Ukucweya kukaYehova kunabamoyikayo;
Ubazísa umnqophiso wakhe.
15Amehlo am ahlala emi kuYehova,
Ngokuba nguye ozirholayo eluthánjeni iinyawo zam.
16Ndíbheke, undibabale,
Ngokuba ndindodwa, ndibandezelekile.
17Iimbandezelo zentliziyo yam ziphangalalisiwe;
Ndíkhuphe ekucuthekeni kwam.
18Khangela ukucinezeleka kwam nokwaphuka kwam,
Uxolele zonke izono zam.
19Zikhangele iintshaba zam, ngokuba zininzi;
Zindithiye ngentiyo egonyamelayo.
20Wugcine umphefumlo wam, undihlangule;
Mandingadani, ngokuba ndizímela ngawe.
21Ukugqibelela nokuthi tye makundilondoloze,
Ngokuba ndithembele kuwe.
22Khulula uSirayeli, Thixo,
Ezimbandezelweni zakhe zonke.