Icebiso kukumkani
1Amazwi kaLemuweli, ukumkani waseMasa, awamqeqesha ngawo unina.
2Yini, nyana wam? yini, nyana wesizalo sam?
Yini, nyana wezibhambathiso zam?
3Amandla akho musa ukuwanika amankazana,
Iindlela zakho uzinike abo batshabalalisa ookumkani.
4Asiyindawo yokumkani, Lemuweli, asiyindawo yokumkani ukusela iwayini;
Asiyindawo yezidwangube ukuthi, Síphi na isiselo esinxilisayo?
5Hleze basele bakulibale okumiselweyo,
Balijike ityala loonyana bonke beentsizi.
6Isiselo esinxilisayo sinikeni abatshabalalayo,
Newayini yinikeni abamphefumlo ukrakra.
7Mabasele abo, babulibale ubuhlwempu babo,
Bangabi sabukhumbula ububi babo.
8Wuvule umlomo wakho ngenxa yosisidenge,
Ngenxa yetyala labo bonke abadlulayo.
9Vula umlomo wakho, gweba ngobulungisa,
Ugwebe ityala lolusizana nolihlwempu.
Umfazi onesidima
10Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo?
Lingaphezulu nakwikorale• ixabiso lakhe.
11Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe,
Ayisayi kuswela nto.
12Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,
Yonke imihla yobomi bakhe.
13Ufuna uboya begusha neflakisi,•
Asebenze ethumekelele ngezandla zakhe.
14Unjengeenqanawa zabarhwebi,
Ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe.
15Uvuka kwasebusuku,
Ayinike into edliwayo indlu yakhe,
Awunike umsebenzi wawo umthinjana wakhe.
16Unkqangiyela intsimi ayizuze;
Ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya.
17Ubhinqa amandla emanqeni akhe,
Ayomeleze imikhono yakhe.
18Uyakuva ukuba kulungile ukurhweba kwakhe;
Isibane sakhe asicimi ebusuku.
19Uzibeka izandla zakhe entongeni yokuluka,
Neminwe yakhe ibamba isikhanda sento yokuluka.
20Isandla sakhe usitwabululela olusizana,
Azolulele izandla zakhe kumahlwempu.
21Indlu yakhe akayoyikeli, mhlana ngekhephu,
Kuba yonke indlu yakhe yambethe ezisithileyo.
22Uzenzela imiqamelo;
Yilinen ecikizekileyo kwanemfusa isambatho sakhe.
23Iyaziwa indoda yakhe emasangweni,
Ekubutheni kwayo namadoda amakhulu elizwe.
24Wenza iingubo zelinen entle,
Athengise ngazo, athengise ngemibhinqo kumaKanan.
25Ngamandla nobungangamela isambatho sakhe;
Usuka ahleke ngemini ezayo.
26Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko;
Umyalelo onenceba uselulwimini lwakhe.
27Uyayondela ihambo yendlu yakhe,
Angasidli isonka sobuvila.
28Bayasuka oonyana bakhe, bathi unoyolo;
Iyasuka indoda yakhe imdumise;
29Ithi, Zininzi iintombi ezenza ngokunesidima;
Ke wena uzidlule zonke ziphela.
30Bubuxoki ubuhle, ngamampunge ubunzwakazi;
Ngumfazi owoyika uYehova yedwa oya kudunyiswa.
31Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe,
Zimdumise emasangweni izenzo zakhe.