1Úthanda uqeqesho othanda ukwazi;
Úthiya isohlwayo osisityhakala.
2Olungileyo uyamkeleka kuYehova;
Indoda enamayelenqe uyifumana inetyala.
3Akuzimaseki mntu, enokungendawo;
Ke yona ingcambu yamalungisa ayishukunyiswa.
4Umfazi onesidima usisithsaba endodeni yakhe;
Owenza okuziintloni unjengempehla emathanjeni ayo.
5Iingcinga zamalungisa zisesikweni;
Amacebo abangendawo yinkohliso.
6Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi;
Umlomo wabathe tye uyabahlangula.
7Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho;
Indlu yamalungisa iyema.
8Indoda idunyiswa ngokwengqiqo yayo,
Entliziyo igwenxa iba ngodelekileyo.
9Ulungile ophantsi enesicaka,
Ngaphezu kozizukisayo eswele ukudla.
10Ilungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo;
Iimfesane zabangendawo zibubujorha.
11Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlútha kukudla;
Osukelana nento engento uswele intliziyo.
12Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi;
Ingcambu yamalungisa iyanika.
13Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi;
Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni.
14Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlútha kokulungileyo,
Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye.
15Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo;
Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko.
16Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso;
Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa.
17Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa;
Ingqina elixokayo lixela inkohliso.
18Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele;
Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa.
19Umlomo wenyaniso uzimasekile kwaphela;
Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo.
20Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi;
Ke bona abacebi boxolo bayabuyisa.
21Ilungisa aliqubisani nobubi;
Ke bona abangendawo bazele yinkxwaleko.
22Ùngamasikizi kuYehova umlomo oxokayo;
Abenza inyaniso ukholisiwe ngabo.
23Umntu onobuqili uyakugubungela ukwazi;
Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha.
24Isandla sabakhutheleyo siyalawula;
Ukudangala kufakwa uviko.
25Isithukuthezi esisentliziyweni yendoda siyenza igobe;
Liyayivuyisa ilizwi elihle.
26Ilungisa lingumkhokeli kuwalo;
Indlela yabangendawo iyabandwendwisa.
27Odangeleyo akayibhulisi inyamakazi yakhe;
Ke ubuncwane obunqabileyo bomntu kukukhuthala.
28Busemendweni wobulungisa ubomi;
Ukuyinyathela indlela yabo kukungafi.