Imithetho malunga namadini nemithendeleko
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Umsondezo wam, isonka sam sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kum, nòkugcina ukuwusondeza kum ngexesha lawo elimisiweyo.
3Uze uthi kubo, Kuko oku ukudla kwasemlilweni enòkusondeza kuYehova: iimvana ezimbini ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zemini ngemini, zedini elinyukayo lamaxesha onke; 4enye imvana woyenza kusasa, eyesibini uyenze lakutshona ilanga; 5nesahlulo seshumi se-efa• somgubo ocoliweyo woba ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli engqushiweyo, esisahlulo sesiné sehin.• 6Lidini elinyukayo lamaxesha onke, elamiselwa entabeni yeSinayi ukuba libe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova; 7nomnikelo walo othululwayo woba sisahlulo sesiné sehin kwimvana yokuqala. Wowuthululela engcweleni umnikelo othululwayo, usisiselo esinamandla kuYehova. 8Eyesibini imvana woyenza lakutshona ilanga. Woyenza ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ukudla kwasemlilweni ivumba elithozamisayo ke elo kuYehova.
9Ke ngomhla wesabatha, nosondeza iimvana ezimbini ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, nezahlulo zeshumi zibe zibini zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, nomnikelo walo othululwayo. 10Lidini elinyukayo ke elo lesabatha ngesabatha, ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.
11Ekuthwaseni kweenyanga zenu nosondeza kuYehova idini elinyukayo, iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezigqibeleleyo ezimnyaka mnye zibe sixhenxe; 12nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zithathu, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwé ioli, kuyo inkunzi entsha enye yenkomo; nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zibini, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwé ioli, kuyo inkunzi enye yemvu; 13nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo ngasinye, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwé ioli, kuyo imvana enye. Lidini elinyukayo, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova; 14neminikelo yazo ethululwayo yoba sisiqingatha sehin kuyo inkunzi entsha yenkomo, nesahlulo sesithathu sehin kuyo inkunzi yemvu, nesahlulo sesiné sehin yewayini kwimvana. Lilo elo idini elinyukayo lenyanga ngenyanga ezinyangeni zomnyaka. 15Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, ibe lidini lesono kuYehova; nolenza ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke nomnikelo walo othululwayo.
16Ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesiné enyangeni leyo, yipasika• kuYehova. 17Ngomhla weshumi elinesihlanu waloo nyanga ngumthendeleko. Iintsuku ezisixhenxe kodliwa izonka ezingenagwele. 18Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
19Nosondeza ukudla kwasemlilweni, idini elinyukayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye, zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni. 20Nowenza umnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu. 21Wosenza isahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe. 22Nenkunzi yebhokhwe yoba nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela nina. 23Nowenza wona ngaphandle kwedini elinyukayo lakusasa, elileledini elinyukayo lamaxesha onke.
24Niya kwenjenjalo imihla yonke, ngaloo mihla isixhenxe, isonka sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova, nenze ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo. 25Ngomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
26Ngomhla wokushwama, ekuwusondezeni kwenu umnikelo wokudla okutsha kuYehova, emthendelekweni wenu weeveki, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. 27Nosondeza idini elinyukayo libe livumba elithozamisayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; 28neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe; nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwé ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye, 29nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe. 30Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, yokunicamagushela. 31Ezo nto nòzenza ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla (zoba zezigqibeleleyo kuni), neminikelo yazo ethululwayo.