Ubalo lwesibini lwabantu
1Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi, 2Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli. 3UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi, 4Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
Oonyana bakaSirayeli abaphumáyo ezweni lamaYiputa babengaba: 5kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki; 6nguPalu ozala amaPalu; nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi. 7Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwáyo kuyo babengamashumi amané anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu. 8Oonyana bakaPalu nguEliyabhi. 9Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli noDatan noAbhiram. Nguloo Datan noAbhiram babizwayo libandla, baphikisana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekuphikisaneni kwabo noYehova; 10waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya noKora ekufeni kwelo bandla, ekudleni komlilo amadoda angamakhulu omabini, anamanci mahlanu, aba ngumqondiso. 11Ke oonyana bakaKora abafanga.
12Oonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo: nguNemuweli ozala amaNemuweli; nguYamin ozala amaYamin; 13nguYakin ozala amaYakin; nguZera ozala amaZera; nguSawule ozala amaSawule. 14Yiyo leyo imizalwane yamaSimon: amashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini.
15Oonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo: nguTsefon ozala amaTsefon; nguHagi ozala amaHagi; nguShuni ozala amaShuni; 16nguOzeni ozala amaOzeni; 17nguEri ozala amaEri; nguArodi ozala ama-Arodi; nguAreli ozala ama-Areli. 18Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaGadi, ngokwababalwáyo kubo: amashumi omané amawaka, anamakhulu mahlanu.
19Oonyana bakaYuda nguEre no-Onan; bafa ooEre no-Onan ezweni lakwaKanan. 20Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo babengaba: nguShela ozala amaShela; nguPeretse ozala amaPeretse; nguZera ozala amaZera. 21Oonyana bakaPeretse babengaba: nguHetseron ozala amaHetseron; nguHamuli ozala amaHamuli. 22Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda, ngokwababalwáyo kubo: amashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
23Oonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo; nguTola ozala amaTola; 24nguPuwa ozala amaPuwa; nguYashubhi ozala amaYashubhi; nguShimron ozala amaShimron. 25Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amathandathu anamané amawaka, anamakhulu mathathu.
26Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo; nguSerede ozala amaSerede; nguElon ozala amaElon; nguYaleli ozala amaYaleli. 27Yiyo leyo imizalwane yamaZebhulon, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
28Oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo nguManase noEfrayim. 29Oonyana bakaManase: nguMakire ozala amaMakire; uMakire wazala uGiliyadi; nguGiliyadi ozala amaGiliyadi. 30Ngabo aba oonyana bakaGiliyadi: nguIyezere ozala amaIyezere; nguHeleki ozala amaHeleki; 31nguAseriyeli ozala ama-Aseriyeli; nguShekem ozala amaShekem; 32nguShemida ozala amaShemida; nguHefere ozala amaHefere. 33Ke uTselofehadi, unyana kaHefere, ebengenanyana; waye eneentombi zodwa. Amagama eentombi zikaTselofehadi nguMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa. 34Yiyo leyo imizalwane yakwaManase, ngokwababalwáyo kubo: amashumi amahlanu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.
35Ngabo aba oonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo: nguShutela ozala amaShutela; nguBhekere ozala amaBhekere; nguTahan ozala amaTahan. 36Ngabo aba oonyana bakaShutela: nguEran ozala amaEran. 37Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaEfrayim, ngokwababalwáyo kubo; amashumi omathathu anamabini amawaka, anamakhulu mahlanu. Ngabo abo oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo.
38Oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; nguBhela ozala amaBhela; nguAshebhele ozala ama-Ashebhele; nguAhiram ozala ama-Ahiram; 39nguShefufam ozala amaShefufam; nguHufam ozala amaHufam. 40Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman; nguArdi ozala ama-Ardi; nguNahaman ozala amaNahaman. 41Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwáyo kubo ngamashumi amané anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.
42Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo. 43Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwáyo kubo, ngamashumi omathandathu anamané amawaka, anamakhulu mané.
44Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozala amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya. 45Koonyana bakaBheriya: nguHebhere ozala amaHebhere; nguMalekiyeli ozala amaMalekiyeli. 46Igama lentombi ka-Ashere nguSara. 47Yiyo leyo imizalwane yoonyana baka-Ashere, ngokwababalwáyo kubo: ngamashumi omahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mané.
48Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: nguGatseli ozala amaGatseli; nguGuni ozala amaGuni; 49nguYetsere ozala amaYetsere; nguShilem ozala amaShilem. 50Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababaliweyo kubo ngamashumi omané anamahlanu amawaka, anamakhulu mané.
51Ngabo abo ababalwáyo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.
52Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 53Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama. 54Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinìkwe ilifa ngokwababalwáyo kuso. 55Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise; labiwe ilifa lazo ngokweqashiso, 56phakathi kwesininzi nesincinane.
57Ngabo aba ababalwáyo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari. 58Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram. 59Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo. 60UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare. 61Bafa ooNadabhi noAbhihu ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova. 62Ababalwáyo kubo baba ngamashumi omabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, bethabathela kumntwana onyanga-nye benyusa; kuba bebengabalwanga phakathi koonyana bakaSirayeli; ngokuba bebengenalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
63Ngabo abo babalwáyo nguMoses noElazare umbingeleli, ababebabala oonyana bakaSirayeli ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko. 64Ke kwabo kube kungasekho mntu wababebalwe ngooMoses noAron umbingeleli, abababaláyo oonyana bakaSirayeli entlango yeSinayi. 65Ngokuba uYehova ebethe kubo, Mabafele bona entlango kanye. Akwasala namnye ke kubo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.