Uhenyuzo nonqulo-zithixo eShitim
1AmaSirayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi. 2Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo. 3AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahalipehore.•
Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli. 4Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli. 5Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli, Bulalani elowo abantu bakhe, abazibandakanyileyo noBhahali-pehore.
6Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana. 7Wabona uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wesuka phakathi kwebandla, wathabatha umkhonto ngesandla sakhe. 8Wayilandela indoda engumSirayeli, waya egumbini, wabahlaba amahlànza bobabini, indoda engumSirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sathintelwa ke isibetho koonyana bakaSirayeli. 9Abafáyo ngesibetho baba ngamawaka amashumi amabini anamané.
10Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 11UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam. 12Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo, 13ube ngumnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.
14Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon. 15Igama lenkazana leyo yahlatywayo ingumMidiyanekazi, belinguKozibhi, intombi kaTsure, obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan.
16Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 17Wabandezeleni amaMidiyan niwaxabele; 18ngokuba wona anibandezele ngamayelenqe awo abewenzile kuni, ngenxa yendawo kaPehore, nangenxa yendawo kaKozibhi, intombi yenkulu yakwaMidiyan, udade wabo, owahlatywa ngomhla wesibetho ngenxa yendawo kaPehore.