Inyoka yobhedu
1Weva umKanan, ukumkani waseAradi, obehleli kwelasezantsi, ukuba ayeza amaSirayeli ngendlela yeentlola, walwa namaSirayeli, wathimba abantu kuwo. 2Abhambathisa amaSirayeli isibhambathiso kuYehova, athi, Ukuba uthe wabanikela inene aba bantu esandleni sam, ndoyisingela phantsi imizi yabo. 3Waliva uYehova ilizwi lamaSirayeli, wamnikela umKanan lowo kuwo, wasingelwa phantsi nemizi yakhe. Kwathiwa igama laloo ndawo yiHorma.•
4Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu,• ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni. 5Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu. 6UYehova wathuma iinyoka ezinobuhlungu ebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzi bakwaSirayeli. 7Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.
8Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abo balunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile. 9Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside; kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.
Ukoyiswa kwama-Amori noBhashan
10Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa iintente eObhoti. 11Banduluka eObhoti, baya bamisa eIye-abharim, entlango ephambi kwelakwaMowabhi, ngasekuphumeni kwelanga. 12Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede. 13Banduluka khona, baya bamisa phesheya kweArnon, esentlango, ephuma emdeni wama-Amori; kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori. 14Ngenxa yoko, kuthiwa encwadini yeemfazwe zikaYehova:
IVahebhi wayithabatha esiza ngesaqhwithi,
Nezibhaxa zaseArnon,
15Namathambeka ezibhaxa,
Olukela ekhayeni laseAri,
Ayame umda wakwaMowabhi.
16Banduluka khona, baye eBhere;• elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.
17Oko ahlaba amaSirayeli le ngoma:
Nyuka, qula; vumani kulo,
18Kwiqula elambiwa ngabathetheli,
Lagonjwa ngamanene abantu,
Ngentonga yommisi-mthetho, ngemisimelelo yawo.
Banduluka entlango, baya eMatana. 19Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti. 20Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.
21AmaSirayeli athuma izigidimi kuSihon, ukumkani wama-Amori, esithi, Mandicande ezweni lakho; 22asiyi kuthi gu bucala, siye emasimini nasezidiliyeni; asiyi kusela manzi equla; siya kuhamba ngomendo wenkosi, side sicande emdeni wakho. 23Akawavumela uSihon amaSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. USihon wahlanganisa bonke abantu bakhe, waphuma waya kuwahlangabeza amaSirayeli entlango, wafika eYatsa, walwa namaSirayeli. 24AmaSirayeli amxabela ngohlangothi lwekrele, alihlutha ilizwe lakhe, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa koonyana baka-Amon; ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele. 25AmaSirayeli ayithabatha yonke le mizi, ahlala amaSirayeli emizini yonke yama-Amori, eHeshbhon nasemagxamesini ayo. 26Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.
27Ngenxa yoko babesithi abenzi bemizekeliso:
Yizani eHeshbhon, mawakhiwe uzinziswe umzi wakwaSihon;
28Ngokuba kuphume umlilo eHeshbhon,
Ilangatye emzini wakwaSihon;
Wayidla iAri yakwaMowabhi,
Abaninimimango baseArnon.
29Yeha wena, Mowabhi!
Nidakile, bantu bakwaKemoshe,•
Úbanikele oonyana bakhe baba ngabasabi,
Iintombi zakhe uzinikele ekuthinjweni,
KuSihon, ukumkani wama-Amori.
30Sibatolile; idakile iHeshbhon, kwesa eDibhon;
Sababhangazisa, kwesa eNofa,
Yangumlilo, kwesa eMedebha.
31Ahlala amaSirayeli ezweni lama-Amori. 32Wathuma uMoses ukuba iye kuhlolwa iYazere; bawathimba amagxamesi ayo, bawagqogqa ama-Amori abekhona. 33Bajika, benyuka ngendlela yaseBhashan.
Waphuma uOgi, ukumkani waseBhashan, waya kubahlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwe e-Edreyi. 34Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe, ukuba wenze kuye njengoko wenzáyo kuSihon, unkumkani wama-Amori, owayehleli eHeshbhon. 35Bambulala yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke, kwada akwasala usindileyo; balihlutha ilizwe lakhe.