Iimfanelo nokondliwa kwababingeleli nabaLevi
1Wathi uYehova kuAron, Wena noonyana bakho, nendlu kayihlo ndawonye nawe, nobuthwala ubugwenxa obenziwe kwindawo engcwele; wena noonyana bakho ndawonye nawe nobuthwala ubugwenxa bobubingeleli benu. 2Kananjalo abazalwana bakho, isizwe sakwaLevi, isizwe sikayihlo, wobasondeza nawe, banamathele kuwe, balungiselele wena; wena ke, noonyana bakho ndawonye nawe, phambi kwentente yesingqino. 3Bogcina isigxina sakho nesigxina sentente yonke; kodwa empahleni yengcwele nasesibingelelweni mabangasondeli, ukuze bangafi bona aba kwanani. 4Bonamathela kuwe, bagcine isigxina sentente yokuhlangana emsebenzini wonke wayo intente; ke owasemzini aze angasondeli kuni. 5Nize nigcine isigxina sengcwele nesigxina sesibingelo, kungabuyi kubhekho burhalarhume phezu koonyana bakaSirayeli. 6Mna ke, yabona, ndibathabathile abazalwana benu, abaLevi, phakathi koonyana bakaSirayeli; nibanikiwe bangumnikelo kuYehova wokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana. 7Ke wena noonyana bakho ndawonye nawe, nòbugcina ububingeleli benu ezintweni zonke zesibingelelo, nangaphaya komkhusane; nisebenze umsebenzi. Ndininika ububingeleli ukuba bube ngumsebenzi eniwunikiweyo. Owasemzini osondelayo uya kubulawa.
8Wathetha uYehova kuAron, esithi, Yabona, mna ndikunika isigxina semirhumo yam, ezintweni zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndisinika wena noonyana bakho sibe ngumxhesho, sibe ngummiselo ongunaphakade. 9Yile into eyoba yeyakho ezintweni eziyingcwele kangcwele, ekudleni kwasemlilweni: yonke imisondezo yabo, eminikelweni yabo yokudla, nasemadinini abo onke esono, nasemadinini abo onke etyala, abayibuyisela kum, yoba ziinto eziyingcwele kangcwele kuwe nakoonyana bakho. 10Nozidla engcweleni kangcwele; yonke into eyindoda yozidla; zoba ngcwele kuwe.
11Yile into eyoba yeyakho: umrhumo wesipho sabo emitshangatshangisweni yonke yoonyana bakaSirayeli ndiwunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ube ngummiselo ongunaphakade. Bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.
12Konke ukutyeba kweoli, konke ukutyeba kwewayini entsha, nokwengqolowa, ulibo lwezo zinto baya kuzinika uYehova, ndikunika lona. 13Iintlahlela zeento zonke ezisezweni labo, abazizisa kuYehova, zoba zezakho; bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bozidla.
14Zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli zoba zezakho. 15Zonke izinto ezivula isizalo kwinyama yonke, abaya kuzisondeza kuYehova, ebantwini nasezinkomeni, zoba zezakho. Kodwa wona amazibulo abantu wòwakhulula ngokuwamisela; amazibulo ezinto ezizitho ziné eziziinqambi wòwakhulula ngokuwamisela. 16Ukukhululwa komntu ke womkhulula ngokummisela, uthabathela kumntwana onyanga-nye, ngokulinganisela kwakho isilivere yeeshekele• ezintlanu ngokweshekele yengcwele, eziigera• ezimashumi mabini. 17Kodwa amazibulo eenkomo, namazibulo ezimvu, namazibulo eebhokhwe, akuyi kuwakhulula ngokuwamisela. Angcwele wona; igazi lawo wolitshiza esibingelelweni, uqhumisele ngamanqatha awo; kukudla kwasemlilweni ke oko, livumba elithozamisayo kuYehova. 18Inyama yawo yoba yeyakho; njengencum yomtshangatshangiso, nanjengomlenze wasekunene, yoba yeyakho. 19Yonke imirhumo engcwele, abayirhumela uYehova oonyana bakaSirayeli, ndiyinika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ibe ngummiselo ongunaphakade; ingumnqophiso wetyuwa ongunaphakade phambi koYehova, kuwe nakwimbewu yakho ndawonye nawe.
20Wathi uYehova kuAron, Ezweni labo akuyi kuba nalifa, akuyi kuba nasabelo phakathi kwabo; ndisisabelo sakho nelifa lakho phakathi koonyana bakaSirayeli.
21Uyabona, oonyana bakaLevi ndibanika zonke izishumi kwaSirayeli, ukuba zibe lilifa, ngenxa yomsebenzi wabo abasebenza wona, umsebenzi wentente yokuhlangana; 22bangaphindi oonyana bakaSirayeli basondele ententeni yokuhlangana, hleze bathwale isono bafe. 23Ke bona abaLevi bosebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, babuthwale ubugwenxa babo; ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu. Abayi kuba nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli. 24Ngokuba isishumi soonyana bakaSirayeli, abasirhumela uYehova umrhumo, ndisinika abaLevi sibe lilifa. Ngenxa yoko ndithe kubo, Mabangabi nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
25Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 26Thetha kubaLevi, uthi kubo, Xa nithe nasithabatha koonyana bakaSirayeli isishumi endininika sona, esiphuma kubo sililifa lenu, norhuma ngaso umrhumo kaYehova, ngesishumi sesishumi. 27Wóthi umrhumo wenu ubalelwe kuni uyingqolowa yasesandeni, uyinzaliseko yasesixovulelweni. 28Ngokunjalo nani norhuma umrhumo kaYehova ngezishumi zenu zonke enizithabathayo koonyana bakaSirayeli, nimnika uAron umbingeleli kuzo umrhumo kaYehova. 29Eminikelweni yonke eniyinikiweyo, norhuma imirhumo yonke kaYehova; ekutyebeni kwayo konke norhuma into yakhe eyingcwele ivela kuyo. 30Uze uthi ke kubo, Ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo, kobalelwa kubaLevi, ilungeniselo lwesandà, ilungeniselo lwesixovulelo. 31Nòkudla oko ezindaweni zonke, nina nezindlu zenu; kuba ngumvuzo wenu ngenxa yomsebenzi wenu ententeni yokuhlangana. 32Anisayi kuzithwalisa zono ngenxa yoko ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo okukuyo; anisayi kuzihlambela izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; anisayi kufa.