Ukuthunyelwa kweentlola kwelakwaKanan; ingxelo yazo
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thumela amadoda, aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, endibanike lona oonyana bakaSirayeli. Wòthumela indoda ibe nye kwisizwe sooyise, iyileyo ibe yeyinkulu kuso. 3Wawathuma ke uMoses, esentlango yaseParan, ngokomlomo kaYehova, onke loo madoda, eziintloko zoonyana bakaSirayeli.
4Ngawo la amagama awo: kwisizwe sakwaRubhen, ibinguShamuwa, unyana kaZakure; 5kwisizwe sakwaSimon, ibinguShafati, unyana kaHori; 6kwisizwe sakwaYuda, ibinguKalebhi, unyana kaYefune; 7kwisizwe sakwaIsakare, ibinguIgali, unyana kaYosefu; 8kwisizwe sakwaEfrayim, ibinguHosheya, unyana kaNun; 9kwisizwe sakwaBhenjamin, ibinguPalti, unyana kaRafu; 10kwisizwe sakwaZebhulon, ibinguGadiyeli, unyana kaSodi; 11kwisizwe sakwaYosefu, esisisizwe sakwaManase, ibinguGadi, unyana kaSusi; 12kwisizwe sakwaDan, ibinguAmiyeli, unyana kaGemali; 13kwisizwe sakwa-Ashere, ibinguSeture, unyana kaMikayeli; 14kwisizwe sakwaNafetali, ibinguNabhi, unyana kaVofesi; 15kwisizwe sakwaGadi, ibinguGehuweli, unyana kaMaki. 16Ngawo lawo amagama amadoda awawathumayo uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe. UMoses wathi uHosheya, unyana kaNun, nguYoshuwa.
17Wawathuma ke uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, wathi kuwo, Nyukani nina ngasezantsi, ngale ndlela; 18nyukani niye entabeni, nilikhangele ilizwe ukuba linjani na, nabantu abemi kulo, ukuba bomelele, bangamaphakuphaku, kusini na; bambalwa, baninzi, kusini na; 19ukuba linjani na ilizwe abemi kulo, lihle, libi, kusini na; ukuba injani na imizi abemi kuyo, baseminqubeni, basezinqabeni, kusini na; 20ukuba linjani na ilizwe elo, liyachuma, alichumi, kusini na; linemithi, alinayo, kusini na. Yomelelani, nize neziqhamo zelo zwe. Loo mihla yabe iyimihla yentlahlela yeediliya.
21Enyuka ke, alihlola ilizwe, ethabathela entlango yaseTsin, esa eRehobhi, ekuyeni eHamati. 22Enyuka ngezantsi, afike eHebron; babekhona ooAhiman, noSheshayi, noTalemayi, abenzalo ka-Anaki. Ke owaseHebron wawusewakhiwe iminyaka esixhenxe, ingekakhiwa iTsohan eYiputa. 23Afika esihlanjeni sakwaEshekoli, anqumla khona isebe linesihloko seediliya sisinye, asithwala ngesibonda emabini; nakwiirharnate, nakumakhiwane enjenjalo. 24Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli,• ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli.
25Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mané. 26Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo. 27Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo. 28Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo siboné abenzalo ka-Anaki khona. 29Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emi ngaselwandle nangecala laseYordan.
30Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siya kuleyisa kakade. 31Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi. 32Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade. 33Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo.