Ukusetyenziswa kwamaxilongo esilivere
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Zenzele amaxilongo esilivere ekhandiweyo, abe mabini, abe ngawokubiza ibandla, nokundulula iminquba. 3Kwakuvuthelwa ixilongo kuqutshwa, lozihlanganisela kuwe lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana. 4Ukuba kuthe kwavuthelwa ixilongo, kwaqutshwa ngakanye, zozihlanganisela kuwe izikhulu, iintloko zamawaka akwaSirayeli. 5Nákuvuthela nolule, yonduluka iminquba emise iintente ngasempumalanga. 6Nákuvuthela nolule okwesibini, yonduluka iminquba emise ngasezantsi; bovuthela bolule ukuba induluke. 7Ekusibizeleni ndawonye isikhungu, novuthela niquphe, ningavutheli nolule. 8Bovuthela ngamaxilongo oonyana baka-Aron ababingeleli, ibe ngummiselo ongunaphakade kuni kwizizukulwana zenu.
9Xa nithe naya kulwa ezweni lenu nombandezeli onibandezelayo, navuthela ngamaxilongo nolula, nòkhunjulwa phambi koYehova uThixo wenu, nisindiswe ezintshabeni zenu. 10Ngomhla wovuyo lwenu, nangamaxesha enu amisiweyo, nasekuthwaseni kweenyanga zenu, novuthela niquphe ngamaxilongo phezu kwamadini enu anyukayo, naphezu kwemibingelelo yenu yoxolo, ibe sisikhumbuzo senu phambi koThixo wenu: ndinguYehova uThixo wenu.
Ukunduluka eSinayi
11Kwathi ngomnyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngolwamashumi omabini enyangeni leyo, lenyuswa lemka ilifu phezu komnquba wesingqino. 12Banduluka ke oonyana bakaSirayeli ngokweehambo zabo entlango yaseSinayi; lathi zinzi ilifu entlango yaseParan. 13Banduluka ekuqaleni ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
14Kuqala ke kwanduluka ibhanile• yeminquba yoonyana bakaYuda, ngokwemikhosi yabo; inguNashon, unyana ka-Aminadabhi, phezu komkhosi wakhe; 15phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaIsakare inguNataniyeli, unyana kaTsuhare; 16phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaZebhulon inguEliyabhi, unyana kaElon.
17Wawiswa umnquba; banduluka ke oonyana bakaGershon noonyana bakaMerari, bewuthwele umnquba.
18Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaRubhen ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElitsure, unyana kaShedeyure; 19phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaSimon inguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi; 20phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli.
21Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke âbaya bawumise umnquba engekafiki wona.
22Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaEfrayim, ngokwemikhosi yabo; 23phezu komkhosi wakhe inguElishama, unyana ka-Amihude; phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaManase inguGamaliyeli, unyana kaPedatsure; 24phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaBhenjamin inguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
25Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo; 26phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran; 27phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana.
28Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo.
Isicelo sikaMoses kusomfazi
29Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli. 30Wathi yena kuye, Andiyi kuhamba; ndiya kuya ezweni lakowethu, kwelokuzalwa kwam. 31Wathi, Musa ukusishiya kaloku, ngenxa enokuba nguwe owaziyo apho singalalisa khona entlango; yiba ngamehlo ethu. 32Kothi, xa uthe wahamba nathi, kothi oko kulunga uYehova asenzela kona, sikwenzele kona nawe.
33Banduluka ke entabeni kaYehova uhambo lwemihla emithathu, ityeya yomnqophiso kaYehova ihamba phambi kwabo uhambo lwemihla emithathu, ukubahlolela indawo abangalalisa kuyo. 34Ilifu likaYehova laba phezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo eminqubeni.
35Kube kusakuthi ekundulukeni kwetyeya, athi uMoses, Vuka, Yehova; zichithachithe iintshaba zakho, basabe phambi kwakho abakuthiyayo: 36kuthi ekulaliseni kwawo athi, Buyela, Yehova, kumawaka amawaka akwaSirayeli.