UNAHUM 1
Umsindo wokuphindezela kukaYehova
1Isihlabo esisingisele kwiNineve. Incwadi yombono kaNahum wase-Elekoshe.
2UYehova nguThixo onobukhwele, ophindezelayo; uYehova ngumphindezeli obushushu bukhulu; uYehova ngumphindezeli kubachasi bakhe, ezigcinela iintshaba zakhe umsindo wakhe. 3UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ke ngamandla, ongakhe amenze msulwa onetyala; uYehova, indlela yakhe isesivunguvaneni naseluqhwitheleni, namafu aluthuli lweenyawo zakhe. 4Ukhalimela ulwandle, alutshise, ayomise nemilambo yonke; intshwenyile iKarmele neBhashan, intshwenyile intyantyambo yaseLebhanon. 5Iintaba ziyanyikima phambi kwakhe, neenduli ziyanyibilika; liyafukuka ihlabathi ebusweni bakhe, elimiweyo nabemi bonke abakulo. 6Ngubani na ongémayo phambi kobhavumo lwakhe? Ngubani na ongáziphakamisayo ekuvutheni komsindo wakhe? Ubushushu bakhe buphalazeka njengomlilo, namawa ayadilizwa nguye.
7UYehova ulungile, uligwiba ngemini yembandezelo; uyabazi abazimela ngaye. 8Ke uyayiphelisa indawo yayo ngomkhukula ehamba phandle, azisukele iintshaba zakhe emnyameni 9Nicinga ntoni na ngoYehova? Uyaphelisa yena; imbandezelo ayisayi kuphakama izihlandlo ezibini. 10Kuba bofanelana bephinyelene ngokweziphingo, benxila yiwayini yabo emnandi: baya kudliwa kuphele, njengeendiza ezomileyo. 11Kuphume kuwe ocinga okubi ngoYehova, oceba ubutshijolo.
Ukuwa kweNineve
12Utsho uYehova ukuthi, Noko bapheleleyo, bebaninzi nokuba baninzi, baya kusikwa noko benjalo, badlule. Ndikucinezele nje, andiyi kuphinda ndikucinezele. 13Ngoku ke ndiya kuyaphula idyokhwe yakhe, ingabikho kuwe; ndiziqhawule izitropu zakho. 14Ke uYehova uwise umthetho ngawe, wokuba akusayi kuba sahlwayelwa nto inegama lakho; endlwini yothixo wakho ndowunqumla umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo; ndiya kulenza ingcwaba lakho; kuba wafunyanwa ulula. 15Yabonani, zisezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo, abavakalisa usindiso. Yenza imithendeleko yakho, Yuda, zalisa izibhambathiso zakho; ngokuba akasayi kubuya acande kuwe olitshijolo; únqunyulwe kwaphela.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.