Umzekeliso womhlwayeli
()
1Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlananisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheké elwandle apho. 2Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso.
Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe, Phulaphulani; 3yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela; 4kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba. 5Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba; 6ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela. 7Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo. 8Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye. 9Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.
10Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo. 11Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso; 12ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.
13Athi kubo, Aniwazi na lo mzekeliso? Nòthini na ke ukuyazi imizekeliso yonke? 14Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. 15Abo ke bangasendleni, apho ilizwi lihlwayelwa khona, ngaba kuthi, xa bathe beva, afike kwaoko uSathana, alithabathe ilizwi elihlwayelweyo ezintliziyweni zabo. 16Ngokunjalo abo bahlwayelwayo ezindaweni ezilulwalwa ngabathi, xa bathe baliva ilizwi, balamkele kwaoko bevuya; 17babe bengenangcambu ngaphakathi kwabo, beme umzuzwana kodwa; bathi kamva, kwakuhla imbandezelo, nokuba yintshutshiso, ngenxa yelizwi, bakhutyekiswe kwaoko. 18Abo bahlwayelwayo emithaneni enameva ngaba, bathi balive ilizwi; 19aze amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, neenkanuko zezinye izinto, zingène ziliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. 20Abo bahlwayelweyo kuwo umhlaba omhle ngaba, basakuthi balive ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo, omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.
Umzekeliso wesibane
()
21Wayesithi kubo, Isibane esi sikha siziswe ukuze sibekwe ngaphantsi kwesitya yini na, nokuba kuphantsi kwesingqengqelo? Asiziswa na ukuze sibekwe esiphathweni saso? 22Kuba akukho nto ifihlakeleyo ingayi kubonakaliswa; kananjalo akubangakho nto ifihliweyo ingàfihlelwa ukuba ize ekuhléni. 23Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve.
24Wayesithi kubo, Yilumkeleni into eniyivayo; umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa ngawo nani, kongezwe kuni nina nivayo. 25Kuba osukuba enako uya kunikwa, nongenako uya kuhluthwa kwanoko anako.
Umzekeliso wembewu
26Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; 27aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. 28Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; 29athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna.
Umzekeliso wokhozo lwemostade
(,)
30Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na? 31Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; 32luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo.
33Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. 34Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
UYesu uzolisa uqhwithela
()
35Athi kubo kwangaloo mini, kwakuhlwa, Masiwele siye ngaphesheya. 36Besindulule isihlwele, bamthabatha esemkhombeni njalo; kwaye ke kukho eminye imikhonjana inaye.
37Kwabakho uqhwithela olukhulu lomoya; aye ke amaza ephoseka emkhombeni, abetha wafuna ukuzala kwangoku. 38Waye yena esesinqeni somkhombe, elele ubuthongo phezu komqamelo; bamvuse, bathi kuye, Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje? 39Wavuka, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle, Hlala uthi tu, uthi cwaka! Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. 40Wathi kubo, Yini na ukuba nibe nje, ukuba ngamagwala? Kutheni na, le nto ningenalukholo? 41Boyika ngoloyiko olukhulu, batshono ukuthi, Ngubani na ke lo, le nto alulanyelwa nangumoya nalulwandle?