Ukuphiliswa konedumbe
()
1Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usekhaya, 2Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.
3Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané. 4Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe. 5Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho. 6Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi, 7Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?
8Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu? 9Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Ùzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe? 10Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe), 11Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. 12Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.
Ukubizwa kukaLevi
()
13Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa. 14Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela.
15Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. 16Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? 17Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni, ukuba baguquke.
Ukuzila ukudla
()
18Baye abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla; beze bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti ke abakho abafundi abakuzili bona?
19Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? Lo gama wonke asekubo umyeni, abanako ukuzila ukudla. 20Ke kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni; baya kwandula ke ukuzila ngaloo mihla. 21Akukho uthungela isiziba somchako omtsha engutyeni endala; okanye ke eso sifakiweyo, sitsha, sokrazula kuyo endala, sibe sibi ngokunye isikroba. 22Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha.
Imfundiso kaYesu ngesabatha
()
23Kwathi ehamba ecanda emasimini ngesabatha, baqala abafundi bakhe ukuhamba besikha izikhwebu. 24Baye besithi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo?
25Wathi yena kubo, Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye? 26Okokuba wangena endlwini kaThixo ngexesha lika-Abhiyatare umbingeleli omkhulu, wazidla izonka ezibekwe phambi koThixo, ezo kungavumelekileyo ukuba zidliwe ngabo bangebabingeleli, wanika nabo babenaye? 27Wayesithi kubo, Isabatha le yabakho ngenxa yomntu, asingumntu owabakhoyo ngenxa yesabatha. 28Ngoko ke uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.