Eminye imithetho malunga nababingeleli namadini
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha kuAron nakoonyana bakhe, bazahlule ezintweni ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, bangalihlambeli igama lam elingcwele ezintweni abazingcwalisayo kum: ndinguYehova. 3Yithi kubo, Ezizukulwaneni zenu, bonke abantu abangabembewu yenu, abasukuba besondela ezintweni ezingcwele, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli kuYehova, benobunqambi babo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebusweni bam: ndinguYehova.
4Umntu ngomntu ongowembewu ka-Aron, oneqhenqa, nobhobhozayo, makangazidli izinto ezingcwele, ade ahlambuluke. Nalowo umchukumisayo wonke ubani oyinqambi ngofileyo, nendoda esukuba incola; 5nomntu osukuba echukumisa yonke into enyakazelayo, eyinqambi kuye, nokuba ngumntu oyinqambi kuye ebunqambini bakhe bonke: 6umphefumlo osukuba uyichukumisa into enjalo, woba yinqambi, uhlwise; lowo makangadli ezintweni ezingcwele. Ke makawuhlambe umzimba wakhe emanzini; 7lakutshona ilanga, wothi ehlambulukile adle emveni koko ezintweni ezingcwele; ngokuba kukudla kwakhe. 8Into ezifeleyo neqwengiweyo makangayidli, azenze inqambi ngayo: ndinguYehova. 9Ize basigcine isigxina sam, bangazithwalisi isono, bafe ngaso, ngokuba besihlambele sona: ndinguYehova obangcwalisayo.
10Wonke ongengowakuni aze angadli nto ingcwele; olundwendwe lombingeleli, nomqeshwa, aze angadli nto ingcwele. 11Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo lowo, kwanozelelwe endlwini yakhe; abo bodla ukudla kwakhe. 12Intombi yombingeleli, xa ithe yendela kwindoda engeyeyakuni, yona mayingadli emrhumeni weento ezingcwele. 13Intombi yombingeleli, xa ithe yangumhlolokazi, nokuba ithe yaliwa, ingazalanga, yabuyela endlwini kayise, yokúdla ukudla kukayise njengasebutsheni bayo. Wonke ongengowakuni makangadli kuko.
14Umntu othe wayidla into engcwele ngokulahleka, makongeze isihlanu sayo kuyo, ayinike umbingeleli into engcwele. 15Ize bangazihlambeli izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, ezo bazirhumela uYehova, 16babathwalise ubugwenxa betyala ekudleni kwabo izinto zabo ezingcwele: ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.
17Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 18Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nakoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abakwaSirayeli, osukuba esondeza umsondezo wakhe ngokubhekisele kwizibhambathiso zabo zonke, nangokubhekisele kwimibingelelo yabo yonke yokuqhutywa yintliziyo, asukuba ewusondeza kuYehova, ukuba ube lidini elinyukayo: 19wóthi, ukuze unikholekise, ube liduna eligqibeleleyo lasezinkomeni, nokuba lelasezigusheni, nelasezibhokhweni. 20Izinto zonke ezinesiphako ize ningazisondezi, ngokuba azisayi kunikholekisa. 21Umntu, xa athe wasondeza umbingelelo woxolo kuYehova, ukuba ube ngowesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ube ngowokuqhutywa yintliziyo, oziinkomo noyimpahla emfutshane: uze ube ngogqibeleleyo ukuze ukholeke, uze ungabi nasiphako nasiphi. 22Eziziimfama, ezaphukileyo, ezilinyaziweyo, ezinokhwekhwe, ezinesitshanguba, ize ningazisondezi ezo kuYehova, ninganikeli ngazo ukudla kwasemlilweni esibingelelweni kuYehova. 23Inkomo negusha enendawo eyolukileyo, neshwabeneyo, ungáyenza umbingelelo wokuqhutywa yintliziyo; ke ayiyi kukholekisa ukuba ingowesibhambathiso. 24Into emasende atyunyuziweyo, nakhandiweyo, naqhiwulweyo, nanqunyulweyo, ize ningayisondezi kuYehova. Ezweni lenu ze ningènjenjalo.
25Nasesandleni sowolunye uhlanga ize ningamkeli nisondeze ukudla koThixo wenu kwezo nto, nakuziphi; ngokuba ukonakala kwazo kukuzo, isiphako sikuzo; aziyi kunikholekisa.
26Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 27Inkomo, negusha, nebhokhwe, xa izalwayo, yoba mihla isixhenxe phantsi konina. Kuthabathela kusuku lwesibhozo nangasemva kwalo, iya kukholekisa, ibe ngumsondezo wasemlilweni kuYehova. 28Inkomo, nokuba yigusha, ize ningayixheli ngamini-nye netakane layo. 29Xa nithe nawubingelela umbingelelo wombulelo kuYehova, nòwubingelela ukuba unikholekise. 30Wodliwa kwangaloo mhla, ningashiyi nto kuwo kude kuse: ndinguYehova.
31Ize niyigcine imithetho yam, niyenze: ndinguYehova. 32Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli: 33ndinguYehova oningcwalisayo, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu: ndinguYehova.