Ukuhlanjululwa komntu oneqhenqa
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Lo woba ngumyalelo woneqhenqa, ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe: 3Woziswa kumbingeleli, aphume umbingeleli aye ngaphandle kweminquba, akhangele umbingeleli, O! isibetho seqhenqa siphilisiwe, semka koneqhenqa; 4awise umthetho umbingeleli, ukuba lowo uzihlambululayo athatyathelwe iintaka ezimbini eziphilileyo, ezihlambulukileyo, nomsedare,• noboya obubomvu, nehisope.• 5Wowisa umthetho umbingeleli, enye intaka empahleni yomdongwe ixhelelwe phezu kwamanzi aphilileyo; 6ayithabathe intaka ephilileyo, nomsedare, noboya obubomvu, nehisope, azithi nkxu, ndawonye nentaka ephilileyo, egazini lentaka exhelelwe phezu kwamanzi aphilileyo; 7amfefe lowo uza kuhlanjululwa eqhenqeni lakhe izihlandlo zibe sixhenxe, athi uhlambulukile, ayindulule intaka ephilileyo iye ezindle. 8Lowo uzihlambululayo wozihlamba iingubo zakhe, achebe zonke iinwele zakhe, ahlambe emanzini, ahlambuluke ke.
Emveni koko wongena eminqubeni, ahlale ngaphandle kwentente yakhe imihla esixhenxe; 9kuthi ngomhla wesixhenxe, achebe zonke iinwele zakhe entloko, nasesilevini sakhe, nasemashiyini akhe, azichebe zonke iinwele zakhe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba wakhe emanzini, ahlambuluke ke.
10Ngomhla wesibhozo wothabatha iimvana ezimbini ezigqibeleleyo, nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo ibe nye, nezahlulo ezithathu zesishumi zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, neloge• yeoli ibe nye; 11umbingeleli ohlambululayo ayimise indoda ezihlambululayo, nezo zinto, phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana. 12Woyithabatha umbingeleli enye imvana, ayisondeze ibe lidini letyala, neloge yeoli, azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso ezo nto phambi koYehova; 13ayixhelele imvana apho kuxhelelwa khona idini lesono nedini elinyukayo, endaweni engcwele; kuba, njengokuba lilelombingeleli idini lesono, likwanjalo idini letyala: liyingcwele kangcwele. 14Wocaphula umbingeleli egazini ledini letyala, adyobhe umbingeleli esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sokunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene. 15Aze acaphule umbingeleli elogeni yeoli, ayigalele esandleni sombingeleli sasekhohlo; 16awuthi nkxu umbingeleli umnwe wakhe wasekunene eolini esesandleni sakhe sasekhohlo, afefe inxalenye yeoli ngomnwe wakhe izihlandlo ezisixhenxe phambi koYehova. 17Inxalenye yeoli eseleyo esesandleni sakhe, umbingeleli woyidyobha esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene, phezu kwegazi ledini letyala. 18Eseleyo ioli esesandleni sombingeleli aze ayigalele entloko kulowo uzihlambululayo, umbingeleli amcamagushele ke phambi koYehova. 19Umbingeleli wolenza idini lesono, amcamagushele lowo uzihlambululayo ngenxa yobunqambi bakhe; emveni koko alixhele idini elinyukayo, 20alinyuse umbingeleli idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, esibingelelweni, umbingeleli amcamagushele. Wohlambuluka ke.
21Ukuba uthe waba sisweli, nesandla sakhe asaba nakukufumana oko, wothabatha imvana ibe nye, ibe lidini letyala lokutshangatshangisa, amcamagushele, nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, sibe sinye, ube ngumnikelo wokudla, neloge yeoli; 22namahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, esinokuwafumana isandla sakhe, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo. 23Maze awazise ngomhla wesibhozo kumbingeleli, ukuba ahlanjululwe emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova.
24Umbingeleli woyithabatha imvana elidini letyala, neloge yeoli, ezo nto umbingeleli azitshangatshangise zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova; 25ayixhele imvana yedini letyala; acaphule umbingeleli egazini ledini letyala, alidyobhe esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene. 26Inxalenye yeoli woyigalela umbingeleli esandleni sombingeleli sasekhohlo, 27umbingeleli afefe ngomnwe wakhe wasekunene inxalenye yeoli esesandleni sakhe sasekhohlo, izihlandlo zibe sixhenxe phambi koYehova; 28umbingeleli adyobhe inxalenye yeoli esesandleni sakhe esithinzini sendlebe yasekunene yalowo uzihlambululayo, nasesithupheni sesandla sakhe sasekunene, nakubhontsi wonyawo lwakhe lwasekunene, phezu kwendawo enegazi ledini letyala. 29Eseleyo ioli esesandleni sombingeleli woyigalela entloko kulowo uzihlambululayo, amcamagushele phambi koYehova. 30Wolinikela elinye ihobe, nokuba lelinye igobo levukuthu, esinokulifumana isandla sakhe, 31oko sinokukufumana isandla sakhe; elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, ndawonye nomnikelo wokudla, umbingeleli amcamagushele lowo uzihlambululayo phambi koYehova.
32Nguwo lowo umyalelo walowo sikhoyo kuye isibetho seqhenqa, osandla singabanga nakufumana nto angahlanjululwa ngayo.
Izindlu ezineqhenqa
33Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, 34Xa nithe nafika ezweni lakwaKanan, endininika lona ukuba libe lelenu, ndasibeka isibetho seqhenqa endlwini yelizwe elo lilelenu, 35makeze umninindlu amxelele umbingeleli, esithi, Kubonakala kum ngathi kukho isibetho endlwini. 36Wowisa umthetho umbingeleli, ukuba bayikhuphe impahla endlwini, engekangeni umbingeleli ukuba asikhangele isibetho, ukuze ingabi yinqambi yonke into esendlwini; emveni koko wongena umbingeleli ukuba ayikhangele indlu. 37Akusikhangela isibetho, O! isibetho sisezindongeni zendlu, sizizifanya ezibuhlazarha, nokuba zifuna ukuba ngqombela, ukubonakala kwazo zithe gangqa eludongeni: 38wophuma umbingeleli endlwini, aye emnyango wendlu, ayivale indlu imihla esixhenxe.
39Wobuya umbingeleli ngomhla wesixhenxe akhangele, O! siqhenqethile isibetho ezindongeni zendlu; 40aze awise umthetho umbingeleli, ukuba arholwe amatye esikuwo isibetho eso, aphoswe ngaphandle komzi endaweni eyinqambi; 41ayiphale indlu ngaphakathi ngeenxa zonke, bawuphose umhlaba abawuphalileyo ngaphandle komzi endaweni eyinqambi; 42bathabathe matye wambi, bawafake endaweni yaloo matye, kuthatyàthwe olunye udaka, ityatyekwe indlu.
43Ukuba sithe sabuya isibetho sathi qwele endlwini, emveni kokurholwa kwamatye, nasemveni kokuphalwa kwendlu, nasemveni kokutyatyekwa kwayo, wongena umbingeleli, akhangele, 44O! siqhenqethile isibetho endlwini: liqhenqa elimandundu endlwini, iyinqambi ke. 45Yodilizwa indlu namatye ayo, nemithi yayo, nodaka lonke lwendlu, zikhutshelwe ngaphandle komzi ezo zinto, ziye kulahlelwa endaweni eyinqambi. 46Lowo ungenayo endlwini, yonke imihla yokuvalwa kwayo, woba yinqambi, ahlwise. 47Lowo ulele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe; nalowo udlele kuloo ndlu, wozihlamba iingubo zakhe.
48Ukuba umbingeleli uthe wangena, wakhangela, O! isibetho asiqhenqethanga endlwini emveni kokutyatyekwa kwendlu, umbingeleli wothi ihlambulukile indlu, ngokuba isibetho siphilisiwe. 49Wothabatha into yokuhlambulula indlu: iintaka zibe mbini, nomsedare,• noboya obubomvu, nehisope.• 50Maze ayixhelele enye intaka empahleni yomdongwe phezu kwamanzi aphilileyo; 51awuthabathe umsedare, nehisope, noboya obubomvu, nentaka ephilileyo, azithi nkxu egazini lentaka exheliweyo, nasemanzini aphilileyo, ayifefe indlu izihlandlo zibe sixhenxe; 52ayihlambulule indlu ngegazi lentaka leyo, nangamanzi aphilileyo, nangentaka ephilileyo, nangomsedare, nangehisope, nangoboya obubomvu. 53Woyindulula intaka ephilileyo iye ngaphandle komzi, iye ezindle, ayicamagushele indlu; yohlambuluka ke.
54Nguwo lowo umyalelo osingisele kuzo zonke izibetho zeqhenqa nakuko ukudlathuka kweenwele, 55nakulo iqhenqa lengubo, 56nelendlu, nakuko ukufukuka, nakuyo injaduko, nakulo itshatshazi, 57aboyalwa ngawo ngemini yento eyinqambi, nangemini yento ehlambulukileyo. Nguwo lowo umyalelo weqhenqa.