Amaqashiso ezinye izizwe
1Lavela iqashiso lesibini noSimon, nesizwe soonyana bakaSimon, ngokwemizalwane yabo. Ilifa labo laba phakathi kwelifa loonyana bakaYuda. 2Elifeni labo baba neBher-sheba, neShebha, neMulada, 3neHatsere-shuwali, neBhala, neAtsem, 4ne-Eletoladi, neBhetuli, neHorma, 5neTsikelage, neBhetemarkabhoti, neHatsar-susa, 6neBhetelebhawoti, neSharuhen: imizi elishumi elinamithathu inemizana yayo; 7iAyin, neRimon, ne-Etere, neAshan; imizi eminé inemizana yayo, 8nemizana yonke ejikeleze loo mizi, kwesa eBhahalatibhere (yiRama yelasezantsi ke leyo). Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo. 9Laba sesabelweni soonyana bakaYuda ilifa loonyana bakaSimon; ngokuba isabelo soonyana bakaYuda sabagqitha. Oonyana bakaSimon babelwa ilifa phakathi kwelifa labo.
10Lavela iqashiso lesithathu noonyana bakaZebhulon, ngokwemizalwane yabo. 11Umda welifa labo wesa eSaridi, wenyuka umda wabo wasinga entshonalanga, wesa eMarala, wafikelela eDabhesheti, wahlangana nomlanjana okhangelene neYokeneham; 12wabuya eSaridi, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya emdeni weKiseloti-tabhore, waphuma waya eDabherati, wenyuka waya eYafiya. 13Wegqitha khona, wasinga empumalanga ngecala eliphuma ilanga, waya eGati-hefere, e-Eti-katsin; waphuma waya eRimon, ehlaba iye eNeha. 14Umda wayizunguleza ngasentla, waya eHanaton; ukuma kwawo, wema ngomfula waseIfeta-eli; 15neKatati, neNahalali, neShimron, neIdala, neBhetelehem: imizi elishumi elinamibini inemizana yayo. 16Lilo elo ilifa loonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
17Iqashiso lesiné lavela noIsakare, noonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo. 18Umda wabo wasinga kwiYizereli, 19neKesuloti, neShunem, neHafarayim, 20neShihon, neAnaharati, neRabhiti, 21neKishiyon, neAbhetse, neRemeti, ne-En-ganim, ne-En-hada, neBhete-patsetse. 22Umda wafikelela eTabhore, naseShahatsima, naseBhete-shemeshe, ukuma komda wabo, waya wema ngeYordan imizi elishumi elinamithandathu enimizana yayo. 23Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
24Lavela iqashiso lesihlanu nesizwe soonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo. 25Umda wabo waba yiHelekati, neHali, neBheten, neAkeshafi, 26neAlameleki, neAmadi, neMishali; wafikelela eKarmele ngasentshonalanga, neShihore-libhenati. 27Wabuya, wasinga ngecala eliphuma ilanga eBhete-dagon, wafikelela kwelakwaZebhulon, nakumfula waseIfeta-eli, ngasentla kweBhete-emeki, neNehiyeli; waphuma waya eKabhuli ngasekhohlo; 28neHebron, neRehobhi, neHamon, neKana, wesa eTsidon enkulu. 29Wabuya umda waya eRama, wesa emzini onqatyisiweyo oyiTire, wabuya umda waya eHosa; ukuma kwawo, waya wema ngolwandle, ngasesabelweni sika-Akezibhe; 30neUma, neAfeki, neRehobhi: imizi emashumi mabini anamibini inemizana yayo. 31Lilo elo ilifa loonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
32Lavela iqashiso lesithandathu noonyana bakaNafetali, ileloonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo. 33Umda wabo wathabathela eHelefe, eMiokini• yaseTsahanayim, neAdami-nekebhe, neYabheneli, wesa eLakum; nokuma kwawo, wema ngeYordan; 34wabuya umda, wasinga entshonalanga eAzenotitabhore, waphuma khona waya eHukoki, wafikelela kwelakwaZebhulon ngasezantsi, wafikelela kwelakwa-Ashere ngasentshonalanga, nelakwaYuda eYordan ngasempumalanga. 35Imizi enqatyisiweyo yaba yiTsidim, neTsere, neHamati, neRakati, neKinerete, 36neAdama, neRama, neHatsore, 37neKedeshe, ne-Edreyi, ne-En-hatsore, 38neIron, neMigdali-eli, neHorem, neBhete-anati, neBhete-shemeshe: imizi elishumi elinesithoba inemizana yayo. 39Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaNafetali, ngokwemizalwane yabo, loo mizi nemizana yayo.
40Lavela iqashiso lesixhenxe nesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo. 41Umda welifa labo waba yiTsora, ne-Eshtawoli, neIre-shemeshe, 42neShahalabhin, neAyalon, neItela, 43ne-Elon, neTimnata, ne-Ekron, 44ne-Eleteke, neGibheton, neBhahalata, 45neYehudi, neBhene-bheraki, neGati-rimon, 46neMeyarkon, neRakon, kunye nomda omalunga neYafo. 47Umda woonyana bakaDan wema ngayo. Benyuka ke oonyana bakaDan, baya kulwa neLeshem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bayihlutha, bema kuyo, bathi ukuyibiza iLeshem kukwaDan, ngegama likaDan uyise. 48Lilo elo ilifa lesizwe soonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo, loo mizi inemizana yayo.
49Bagqiba ke ukulaba ilizwe ngokwemida yabo. Oonyana bakaSirayeli bamnika uYoshuwa, unyana kaNun, ilifa phakathi kwabo. 50Ngokomlomo kaYehova bamnika umzi awawubizayo, iTimnati-sera, ekweleentaba lakwaEfrayim. Wawakha loo mzi, wahlala kuwo.
51Ngawo lawo amafa abawabáyo ooElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise ezizweni zoonyana bakaSirayeli, ngamaqashiso eShilo, phambi koYehova, emnyango wentente yokuhlangana. Bagqiba ke ukulaba ilizwe.