1Ùnokuyirhola na ingwenya ngegwegwe,
Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo?
2Ùnokuyifaka intambo yomzí empumlweni yayo na,
Ugqobhoze izidlele zayo ngentola?
3Ingátarhuzisa kunene na kuwe,
Ithethe amazwi athambileyo kuwe?
4Ingénza umnqophiso na nawe,
Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?
5Ùngádlala na nayo njengentaka,
Uyikhulekele amantombazana akho?
6Angárhweba ngayo na amahlulelana abambisayo,
Ayabe phakathi kwabarhwebi?
7Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe,
Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
8Beka isandla sakho kuyo;
Khumbula imfazwe, ungaphindi.
9Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga;
Inene, úqethuka kwaesayibona.
10Akukho sijorha sokuyixhokonxa;
Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?
11Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?
Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
12Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo,
Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.
13Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo?
Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?
14Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula?
Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.
15Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo,
Zivalwé ngetywina eliqinileyo.
16Zisondelene enye nenye,
Akungeni moya phakathi kwazo.
17Zinamathelene enye kwenye,
Zibambene, zingabi nakwahlukana.
18Ukuthimla kwayo kukhupha imitha,
Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.
19Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo,
Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.
20Emathatheni ayo kuphuma umsi,
Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.
21Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle,
Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.
22Entanyeni yayo kuphuma amandla,
Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.
23Imihlubulo yenyama yayo inamathelene,
Iqinile kuyo, ayishukumi.
24Intliziyo yayo iqine njengelitye,
Iqine njengelokusila langaphantsi.
25Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele,
Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.
26Lifike kuyo ikrele, àlimi;
Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.
27Ithi síngumququ isinyithi,
Livithi ubhedu.
28Utolo lwesaphetha aluyibalekisi;
Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.
29Ithi imivinqi ziindiza,
Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula.
30Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo;
Yaneka impahla yokusizila eludakeni.
31Iyibiliza inzulu njengembiza,
Ulwandle ilwenza njengehlàla loqholo.
32Emva kwayo kukhanya indlela;
Anga amanzi anzongonzongo zizimvi.
33Ehlabathini akukho nto ifana nayo,
Le yenziwáyo ayaba nakuqhiphuka umbilini.
34Ibona konke okuphakamileyo;
Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo.