1Wasusela uElihu, wathi,
2Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam;
Nina zâzi, ndibekeleni indlebe.
3Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha,
Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.
4Masizinyulele okusesikweni,
Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.
5Ngokuba úthe uYobhi, Ndililungisa,
UThixo ulisusile ibango lam.
6Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam;
Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.
7Úphi na umfo onjengoYobhi,
Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?
8Athelele kubenzi bobutshinga,
Ahambe namadoda angendawo?
9Kuba esithi, Akancedeki umfo
Ngokukholana noThixo.
10Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum;
Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo;
KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,
11Ke ukwenza komntu ukúbuyekeza kuye,
Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.
12Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo,
USomandla akakugwenxi okusesikweni.
13Ngubani na omphathise ihlabathi?
Ngubani na omise elimiweyo lonke?
14Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa,
Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,
15Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye,
Umntu abuyele eluthulini.
16Wanga ungákuqonda, ungákuva oku,
Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!
17Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na?
Khona uSobulungisa wòmgweba na?
18Kungáthiwa na kukumkani, Tshijolondini?
Nakumanene, Zintondini zingendawo?
19Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli,
Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo?
Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.
20Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku;
Bayahexiswa abantu, badlule,
Zisuswe iimbalasane kungengasandla.
21Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu,
Úyawabona onke amabanga akhe.
22Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa,
Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.
23Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu,
Ukuze eze ematyaleni noThixo.
24Úyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga,
Amise ke abanye esikhundleni sabo.
25Ngako oko úyazazi izenzo zabo,
Ababhukuqe ebusuku, batyumke.
26Úyabamonxoza ngokwabangendawo
Endaweni yababoneli.
27Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekáyo ekumlandeleni,
Àbaziqiqa zonke iindlela zakhe;
28Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo,
Akuve ukukhala kweentsizana.
29Akùzolisa, ngubani na oya kuxhalisa?
Akùsithelisa ubuso, ngubani na ongámbonayo?
Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,
30Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa,
Angabi zizirhintyelo zabantu.
31Ngokuba ubani angátsho na kuThixo ukuthi,
Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;
32Endingakuboniyo, ndíyale ngako;
Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?
33Úya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena?
Ukuba unyule wena, kunganyuli mna.
Into oyaziyo yithethe.
34Aya kuthi kum amadoda aziingqondi,
Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,
35UYobhi uthetha engenakwazi,
Namazwi akhe akanangqiqo.
36Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni,
Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.
37Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe;
Útyhwakraza izandla phakathi kwethu,
Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo.