UDebhora noBharaki
1Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, akuba efile uEhude. 2UYehova wathengisa ngabo, wabanikela esandleni sikaYabhin, ukumkani wakwaKanan, obephethe ubukumkani eHatsore, omthethelimkhosi ebenguSisera, ohleli eHarosheti yeentlanga. 3Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; wabaxina ke oonyana bakaSirayeli ngamandla iminyaka emashumi mabini.
4Ke kaloku uDebhora, umprofetikazi, umkaLapidoti, ebewalawula amaSirayeli ngelo xesha. 5Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala.
6Wathumela ke wabiza uBharaki, unyana ka-Abhinowam, eKedeshe yakwaNafetali, wathi kuye, Akakuwiselanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Hamba utsalele entabeni yeTabhore, uthabathe nawe amadoda angamawaka alishumi, koonyana bakaNafetali nakoonyana bakaZebhulon? 7Ndomtsalela kuwe emlanjaneni waseKishon uSisera, umthetheli womkhosi kaYabhin, neenqwelo zakhe zokulwa, nengxokolo yakhe; ndimnikele esandleni sakho.
8Wathi uBharaki kuye, Ukuba ùthe wahamba nam, ndohamba; ukuba akuthanga uhambe nam, andiyi kuhamba. 9Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe. 10UBharaki wawahlabela umkhosi amaZebhulon namaNafetali eKedeshe. Kwenyuka amadoda angamawaka alishumi, amlandela. 11Wenyuka naye uDebhora. Ke kaloku uHebhere, umKeni, wayezahlule kumaKeni, koonyana bakaHobhabhi, uyise womkaMoses, wazimisa iintente zakhe, zaya kuma ngoMoki• waseTsahanayim ngaseKedeshe.
12Waxelelwa uSisera ukuba uBharaki, unyana ka-Abhinowam, unyuke weza entabeni yeTabhore. 13USisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba, nabantu bonke abanaye, bethabathele eHarosheti yeentlanga, besa emlanjaneni waseKishon. 14Wathi uDebhora kuBharaki, Suk' ume, ngokuba yiyo le imini uYehova amnikele ngayo uSisera esandleni sakho; akaphumi yini na uYehova phambi kwakho? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi. 15UYehova wamdubaduba uSisera neenqwelo zakhe zonke zokulwa, nomkhosi wakhe wonke, ngohlangothi lwekrele phambi koBharaki; wehla uSisera enqwelweni, wasaba ngeenyawo. 16UBharaki wazisukela iinqwelo zokulwa, wawusukela nomkhosi, wesa eHarosheti yeentlanga; wawa wonke umkhosi kaSisera ngohlangothi lwekrele, akwasala noko amnye.
17USisera wasaba ngeenyawo, waya ententeni kaYaheli, umkaHebhere umKeni; ngokuba belixolile phakathi koYabhin ukumkani waseHatsore nendlu kaHebhere umKeni. 18Waphuma ke uYaheli, waya wamkhawulela uSisera, wathi kuye, Phambuka, nkosi yam, phambukela kum; musa ukoyika. Waphambukela ke kuye ententeni, wamgubungela ngengubo. 19Wathi kuye, Khawundiphe intwana yamanzi ndisele, ngokuba ndinxaniwe. Wamthululela amasi emvabeni, wamnika wasela; wamgubungela. 20Wathi kuye, Yima emnyango ententeni; kothi, ukuba kuze umntu, wabuza wathi, Kukho umntu na apha? uthi, Hayi. 21UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni; kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke. 22Kwathi thaphu uBharaki, esukela uSisera. Waphuma uYaheli waya kumkhawulela, wathi kuye, Yiza, ndikubonise indoda oyifunayo. Waya kuye; nanko uSisera eludwamba efile, enesikhonkwane ezintlafunweni.
23UThixo wamthoba loo mini uYabhin, ukumkani wamaKanan, phambi koonyana bakaSirayeli. 24Saya isandla soonyana bakaSirayeli siba nzima ngokuba nzima phezu koYabhin, ukumkani wamaKanan, bada bamchitha uYabhin, ukumkani wamaKanan.