UISAYA 61
Umsebenzi woMhlawuleli eZiyon
1UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Úndithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo; 2ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili; 3ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti• yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.
4Baya kwakha amanxuwa angunaphakade, bavuse iindawo ezichithakeleyo zangaphambili, bahlaziye imizi engamanxuwa, iindawo ezichithakeleyo zezizukulwana ngezizukulwana. 5Baya kuma abasemzini, baluse imihlambi yenu, oonyana bezinye iintlanga babe ngabalimi bomhlaba wenu, nabezidiliya zenu. 6Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa ningababingeleli bakaYehova; kuya kuthiwa kuni, ningabalungiseleli boThixo wethu; niya kudla ubutyebi beentlanga, nindolose ninozuko lwazo.
7Esikhundleni sokudana kwenu niya kuzuza okuphindiweyo; esikhundleni sehlazo baya kumemelela ngesahlulo sabo; ngako oko baya kudla ilifa eliphindiweyo ezweni labo, baya kuba novuyo olungunaphakade. 8Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga ngokugqwetha; ndibanika umvuzo womsebenzi wabo ngenyaniso; ndenza umnqophiso ongunaphakade nabo. 9Iya kwaziwa imbewu yabo ezintlangeni, baziwe nabaphume ezibilinini zabo phakathi kwezizwe; bonke abababonayo baya kubazi ukuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova.
10Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; kuba endinxibe iingubo zosindiso, endithe wambu ngengubo yokwaleka yobulungisa, njengomyeni ononkontsho ngokombingeleli, nanjengomtshakazi evethe iimpahla zakhe. 11Kuba njengoko ilizwe livelisa izilimo zalo, njengoko umyezo untshulisa intlwayelelo yawo, yenjenjalo iNkosi uYehova ukuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.