Umemelelo ngokuwa kweBhabheli
1Yihla, uhlale eluthulini, nkazanandini, ntombi inguBhabheli; hlala phantsi emhlabeni ungenatrone, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sathiwa uyimvoco, noxhamla ubuncwane. 2Thabatha amatye, usile umgubo; bhenqa isigqubuthelo sakho, finyezela phezulu, tyhila umlenze, wela imilambo. 3Mabutyhileke ubuzé bakho, kubonakale nokungcikiveka kwakho; ndiya kuphindezela, andiyi kubuka mntu. 4Umkhululi wethu, igama lakhe nguYehova wemikhosi, oyiNgcwele kaSirayeli.
5Hlala uthi cwaka, ungene emnyameni, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba uyinkosikazi yezikumkani. 6Ndába noburhalarhume kubantu bam, ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho; akwaba namfesane kubo; naphezu kwamadoda amakhulu wayenza yanzima kakhulu idyokhwe yakho. 7Ubusithi, Ndiya kuba yinkosikazi ngonaphakade; wada akwakunyamekela oko ngentliziyo, akwalikhumbula ikamva lakho oko.
8Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana. 9Ziya kukuzela ezo zinto zombini ngephanyazo, ngamini-nye, ukungabi nabantwana nobuhlolokazi; ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi yomabophe bakho. 10Ngokuba ukholose ngezinto zakho ezimbi, wathi, Akukho undibonayo; ubulumko bakho nokwazi kwakho kúko okukuphambanisileyo; wathi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi.
11Bokuzela ke ububi, ungakwazi ukubunyanga; ikuwele inkohlakalo, ungabi nako ukuyicamagushela; ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo. 12Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa. 13Ùdiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo. 14Yabona, basuke baba njengeendiza; umlilo ubatshisile; abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni elangatye; akukho lahle lakuzifudumeza, akukho mlilo kungahlalwa phambi kwawo. 15Boba njalo kuwe abo uzixhamle ngabo, ababerhwebelana nawe kwasebuncinaneni bakho; elowo uya kundwendwela ecaleni lakhe, kungabikho ukusindisayo.