Ukuxhotyiswa kukaMesiya nguThixo
1Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe; 2ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. 3Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe. 4Uya kuligweba ityala lezisweli ngobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye, alibethe ihlabathi ngentonga yomlomo wakhe, ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yomlomo wakhe. 5Yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe.
6Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto. 7Ithokazi lenkomo nemazi yebhere• ziya kudla utyani ndawonye, amankonyana azo abuthe ndaweni-nye; ingonyama idle umququ njengenkomo; 8adlale umntwana owanyayo emngxunyeni wephimpi, olunyulweyo ase isandla sakhe elukhozweni lweliso lerhamba. 9Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.
Ukubuya noloyiso kweentsali zakwaSirayeli nezakwaYuda
10Kuya kuthi ngaloo mini, ihlumelo likaYese, elimelé ukuba yibhanile• yezizwe, iintlanga ziquqele kulo; nendafo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli.
11Kuya kuthi ngaloo mini, iNkosi isiphindise okwesibini isandla sayo sokuwathenga siwakhulule amasalela abantu bayo, aya kusala eAsiriya, naseYiputa, nasePatros, nakwaKushi, nakwaElam, naseShinare, naseHamati, naseziqithini zolwandle; 12izinyùsele ibhanile iintlanga, ibahlanganise abagxothiweyo bakwaSirayeli, izibuthe iintsali zakwaYuda emasondweni omané ehlabathi. 13Losuka ikhwele likaEfrayim, banqunyulwe ababandezeli bakaYuda. UEfrayim akayi kumkhweletela uYuda, uYuda angambandezeli uEfrayim. 14Bophaphazela egxalabeni lamaFilisti, babheke ngasentshonalanga. Baya kudibana baphange oonyana basempumalanga, base isandla kooEdom noMowabhi; oonyana baka-Amon babeve. 15UYehova wosisingela phantsi isibhaxa solwandle lwaseYiputa, alingise ngesandla sakhe kuwo uMlambo• ekuvutheni komoya wakhe, awubethe ube yimilanjana esixhenxe, abaweze beneembadada. 16Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaya kusala eAsiriya, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli, mini anyuka ephuma ezweni leYiputa.