Ukubambana kukaYehova noSirayeli
1Liveni ilizwi likaYehova, nyana bakaSirayeli; ngokuba uYehova ubambene nabemi belizwe eli; ngokuba kungekho nyaniso, kungekho nceba, kungekho kwazi uThixo kweli lizwe. 2Kukushwabula, nokuxoka, nokuncinitha, nokuba, nokukrexeza; bagqobhozile, igazi liphathelele kwigazi. 3Ngenxa yoko ilizwe lenza isijwili, zithokombisile zonke izinto ezimi kulo; izinto eziphilileyo zasendle, neentaka zezulu, kwaneentlanzi zolwandle, ziyasuswa.
4Kodwa makangabambani omnye nomnye, omnye makangamohlwayi omnye; abantu bakowenu banjengobambene nombingeleli. 5Wòkhubeka emini, umprofeti enawe akhubeke ebusuku, ndimtshabalalise unyoko. 6Bayatshabalala abantu bam kukuswela ukwazi; kuba wena ukucekisile ukwazi, ndiya kukucekisa, ukuba ungabi ngumbingeleli kum. Wawulibala umyalelo kaThixo wakho; ndobalibala abantwana bakho nam. 7Okukhona bandileyo, kokukhona bonileyo kum; uzuko lwabo ndiya kulwananisa ngocukucezo. 8Badla idini lesono labantu bam; umphefumlo wabo bawuphakamisela ebugwenxeni babo. 9Kuya kuthi, njengoko banjalo abantu, abe njalo umbingeleli; ndizivelele iindlela zakhe kuye, ndizibuyìsele kuye iintlondi zakhe. 10Bodla bangahluthi; bahenyuze bangàndi; ngokuba bekuyekile ukumphulaphula uYehova. 11Uhenyuzo, newayini, newayini entsha, ziwexula intliziyo.
12Abantu bam babùzisa kumthi wabo; nentonga yabo iyabaxelela; ngokuba umoya wobuhenyu ubalahlekisile; bahenyuzé bemka phantsi koThixo wabo. 13Babingelela ezincotsheni zeentaba, baqhumisele ezindulini phantsi kwemioki• nemipopulari• nemiterebhinti,• kuba ulungile umthunzi wayo; ngenxa yoko ziyahenyuza iintombi zenu, bayakrexeza oomolokazana benu. 14Andiyi kuzivelela iintombi zenu, ngokokuba zihenyuza; noomolokazana benu, ngokokuba bekrexeza. Ngokuba nina ngokwenu nithi gu bucala namahenyukazi nibingelela namang'awukazi; ngoko ke abantu abangaqondiyo baya kukhahleleka phantsi.
15Ukuba ùyahenyuza, Sirayeli, makangazeki ityala uYuda; musani ukuya eGiligali, ningenyuki niye eBhetaven, ningafungi nithi, Ehleli nje uYehova. 16Kuba uSirayeli uyinjubaqa, njengethokazi eliyinjubaqa; ngoku uYehova uya kubalusela emphangaleleni, njengamatakane. 17UEfrayim ubophene nezithixo; myekeni. 18Igabadelè imithayi yabo; bahenyuza behenyuzile; ziluthandé nzulu ucukucezo iingweletshetshe zabo. 19Umoya umbambile ngamaphiko awo; baya kudana yimibingelelo yabo.