UKristu mkhulu kunoMoses
1Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelána ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu; 2ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela. 3Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu. 4Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo. 5Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa. 6Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakúbamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
Isilumkiso esiphikisa ukungakholwa nokungeva
7Endithi ke, njengoko atshoyo uMoya oyiNgcwele,
Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
8Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu,
Njengasengcaphukisweni, ngomhla wolingo entlango;
9Apho bandilingayo ooyihlo, bandicikida,
Bayibona imisebenzi yam iminyaka emashumi mané.
10Kungoko ndakruqukayo seso sizukulwana,
Ndathi, Bahlala belahleka ngeentliziyo,
Abazazi ke bona iindlela zam;
11Njengoko ndafungayo, ndinengqumbo,
Ndathi, Unakanye ukuba bokha bangene ekuphumleni kwam!
(INdum. 95:7-11)
12Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo; 13manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla, ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono. 14Kuba siba ngamabelána ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni; 15ekubeni kusithiwa,
Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe,
Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni.
(INdum. 95:7)
16Kuba bathe abathile, bevile, bacaphukisa, phofu ingengabo bonke abo baphumayo eYiputa ngoMoses. 17Yayingoobani na ke awakruquka ngabo iminyaka emashumi mané? Yabingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango? 18Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga? 19Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.