UYosefu uthiyiwe ngabakhuluwa bakhe; uthengiselwa eYiputa
1Ke kaloku uYakobi wahlala ezweni lokuphambukela kukayise, ezweni lakwaKanan.
2Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise. 3USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono. 4Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.
5UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo. 6Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo. 7Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam. 8Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilawula? Kwaba kukhona bamthiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe.
9Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphé ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum. 10Wakuxela kuyise, nakubakhuluwa bakhe. Uyise wamkhalimela, wathi kuye, Liphupha lini na eli uliphuphileyo? Mna, nonyoko, nabakhuluwa bakho, soza size kuqubuda kuwe na emhlabeni? 11Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi.
12Ke kaloku abakhuluwa bakhe baya kwalusa impahla emfutshane kayise kwaShekem. 13USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho àbalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo. 14Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem. 15Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ùfuna ntoni na? 16Wathi, Ndifuna abakhuluwa bam; khawundixelele apho balusa khona. 17Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan.
18Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala. 19Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza. 20Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na. 21Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe. 22Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.
23Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo; 24bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uzé, kungekho manzi kuwo.
25Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa. 26UYuda wathi kubazalwana bakhe, Yinzuzoni na ukuthi simbulale umninawa wethu, sifihle igazi lakhe? 27Yizani sithengise ngaye kumaIshmayeli; isandla sethu masingabi phezu kwakhe, ngokuba ngumzalwana wethu, yinyama yethu. Bamphulaphula abazalwana bakhe.
28Adlula amaMidiyan lawo angabarhwebi; bamrhola, bamkhupha uYosefu emhadini, bathengisa ngoYosefu kumaIshmayeli ngeesilivere ezimashumi mabini; amsa uYosefu eYiputa. 29Wabuyela uRubhen emhadini. Yini? UYosefu akakho emhadini; wazikrazula iingubo zakhe. 30Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi, Umfana akakho; mna ke ndosuka ndiye ngaphi na?
31Bayithabatha ingubo kaYosefu, baxhela inkunzi yebhokhwe exhonti, bayithi nkxu ingubo egazini. 32Bayithumela ingubo ende enemikhono ekhaya, bayisa kuyise, bathi, Siyichole; khawufanise, ukuba yingubo yonyana wakho, asiyiyo, sini na? 33Wayifanisa, wathi, Yingubo yonyana wam; udliwe lirhamncwa; inene, uqwengiwe uYosefu. 34UYakobi wazikrazula iingubo zakhe, wabeka ezirhwexayo esinqeni sakhe, wamenzela isijwili unyana wakhe imihla emininzi. 35Besuka bonke oonyana bakhe, nazo zonke iintombi zakhe, beza kumthuthuzela; akavuma kuthuthuzelwa, wathi, Ndiya kuhla ndiye kunyana wam kwelabafileyo, ndisenza isijwili. Uyise wamlilela ke.
36AmaMidiyan aya athengisa ngaye eYiputa kuPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki.