Ukumkani uDariyo uvumela ukuba itempile igqitywe
1Waza uDariyo ukumkani wawisa umthetho; kwaphicothwa endlwini yeencwadi, apho indyebo ibibekwe khona eBhabheli. 2Kwafunyanwa komkhulu, eAmeta, eselizweni lamaMedi, incwadi esongwayo; kwaye kubhaliwe apho isikhumbuzo, kwathiwa:
3Ngowokuqala umnyaka kaKoreshi ukumkani, wawisa umthetho uKoreshi ukumkani, wathi, Indlu kaThixo eYerusalem, mayakhiwe indlu leyo, ibe yindawo apho kubingelelwa khona imibingelelo; zimiswe neziseko zayo; ukuphakama kwayo kube ziikubhite• ezimashumi mathandathu, ububanzi bayo bube ziikubhite ezimashumi mathandathu. 4Ize ibe ziingcamba ezintathu zamatye anzima, nocamba lwemithi emitsha; indleko mayiphume endlwini yokumkani. 5Neempahla zendlu kaThixo zegolide, nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni yaseYerusalem, wazizisa eBhabheli, mazibuyiswe zisiwe etempileni eseYerusalem, ezindaweni zazo, endlwini kaThixo.
6Ngoko, Tatenayi, bamba laphesheya koMlambo,• nawe Shetar-bhozenayi, nabalingane benu bama-Afarseka phesheya koMlambo, yibani kude naloo nto; wuyekeni umsebenzi wale ndlu kaThixo. 7Ibamba lamaYuda namadoda amakhulu akwaYuda mabayakhe le ndlu kaThixo endaweni yayo.
8Ndiwisa umthetho wento enoyenza kumadoda amakhulu aloo maYuda, ukuba yakhiwe loo ndlu kaThixo; ndithi, loo madoda makanikwe indleko, ebutyebini bukakumkani, erhafini yaphesheya koMlambo, kunyanyekwe, angabanjezelwa. 9Nezinto ezifunekayo, iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, zokuba ngamadini anyukayo kuThixo wamazulu, nengqolowa, netyuwa, newayini, neoli, ngokwelizwi lababingeleli abaseYerusalem, makazinikwe imihla ngemihla, kungaphosiswa; 10ukuze basondeze imibingelelo elivumba elithozamisayo kuThixo wamazulu, bathandazele ubomi bokumkani noboonyana bakhe.
11Ndiwisa umthetho wokuba bonke abantu abayijikayo loo nto, makuncothulwe umthi endlwini yabo, baxhonywe, babethelelwe kuwo, nendlu yabo yenziwe indawo yokuya endle, ngenxa yoko. 12UThixo, olibeke khona igama lakhe, makabakhahlele phantsi bonke ookumkani, nabantu, abolula izandla zabo, beyijika loo nto, ukuba bayitshabalalise le ndlu kaThixo eseYerusalem.
Mna Dariyo ndiwisé umthetho; mawenziwe ngenyameko.
13Baza ooTatenayi ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, ngenxa enokuba uDariyo ukumkani ethumile, benjenjalo ngenyameko. 14Ke amadoda amakhulu amaYuda ákha, aphumelela ngokokuprofeta kukaHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo; ákha ke agqiba, ngenxa yomthetho kaThixo kaSirayeli, nangenxa yomthetho wooKoreshi, noDariyo, noArtashashta, ookumkani basePersi. 15Yagqitywa ke le ndlu ngosuka lwesithathu lwenyanga enguAdare; ngumnyaka wesithandathu lowo wokulawula kukaDariyo ukumkani.
Ukunikelwa kwetempile
16Oonyana bakaSirayeli, ababingeleli nabaLevi nabanye oonyana basemfudusweni, bakwenza ngovuyo ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo. 17Basondezela ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo, ikhulu leenkunzi ezintsha zeenkomo, namakhulu amabini eenkunzi zeegusha, namakhulu amané eemvana; neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono, ngenxa yamaSirayeli onke, zalishumi elinambini, ngokwenani lezizwe zakwaSirayeli. 18Babamisa ababingeleli ngokwezahlulo zabo, nabaLevi ngokwamaqela abo, phezu kwenkonzo kaThixo eseYerusalem, ngoko kubhaliweyo encwadini kaMoses.
19Oonyana basemfudusweni bayenza ipasika ngomhla weshumi elinesiné wenyanga yokuqala; 20ngokuba babezihlambulule ababingeleli nabaLevi, njengamntu mnye, bahlambuluka bonke bephela; babaxhelela ipasika oonyana bonke basemfudusweni, nabazalwana babo ababingeleli, nabo ngokwabo. 21Badla ke oonyana bakaSirayeli ababebuye ekufudusweni, kwanabo bonke abazahluláyo ebunqambini beentlanga zelizwe, beza kubo ukuba bamquqele uYehova, uThixo kaSirayeli. 22Benza umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixhenxe bevuyile; ngokuba uYehova ebebavuyisile ngokuyibuyisela kubo intliziyo yokumkani waseAsiriya, ukuze izandla zabo zomelezwe emsebenzini wendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.