Imibingelelo yangomhla wesabatha neyokuthwasa kwenyanga
1Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Isango lentendelezo ephakathi, elikhangele empumalanga, lohlala livaliwe ngeentsuku ezintandathu zokusebenza; ngomhla wesabatha livulwe, ngomhla wokuthwasa kwenyanga livulwe. 2Sóngena isikhulu ngendlela yasevarandeni• yesango, sivela ngaphandle, sime emigubasini yesango, ababingeleli balungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, siqubude embundwini wesango; siphume ke; lingàvalwa isango elo kude kuhlwe. 3Abantu belizwe eli boqubuda ekungeneni kwesango ngesabatha nasekuthwaseni kwenyanga, phambi koYehova.
4Idini elinyukayo, esosondeza lona isikhulu kuYehova ngomhla wesabatha, loba ziimvana ezintandathu ezigqibeleleyo, nenkunzi yegusha egqibeleleyo. 5Nomnikelo wokudla woba yiefa• enkunzini leyo yegusha; ezimvaneni ezo umnikelo wokudla ube ngumnikelo wesandla saso, ihin• yeoli kuyo iefa. 6Ngosuku lokuthwasa kwenyanga, liya kuba yinkunzi entsha egqibeleleyo, ithole lenkomo, neemvana ezintandathu, nenkunzi yegusha, zigqibelele zonke. 7Solungiselela umnikelo wokudla, iefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, kuzo iimvana ibe yinto esinokufikelela kuyo isandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa. 8Ekuzeni kwesikhulu, songena ngendlela yasevarandeni yesango, siphume kwangendlela yayo.
Imimiselo yemibingelelo
9Ekuzeni ke kwabantu belizwe eli phambi koYehova ngamaxesha amisiweyo, ongené ngendlela yesango langasentla, esiza kunqula, wophuma ngendlela yesango langasezantsi; ongené ngendlela yesango langasezantsi, wophuma ngendlela yesango langasentla; akayi kubuya ngendlela yesango angene ngalo; bothi gca ukuphuma. 10Isikhulu songena siphakathi kwabo ekungeneni kwabo; bathi ekuphumeni kwabo, siphume kunye nabo.
11Umnikelo wokudla ngemithendeleko nangamaxesha amisiweyo woba yiefa kuyo inkunzi entsha yenkomo, ne-efa kuyo inkunzi yegusha, uthi ezimvaneni uligane nesandla saso, ibe yihin yeoli kuyo iefa. 12Xa sithe isikhulu samenzela uYehova idini elinyukayo ngokuqhutywa yintliziyo, nokuba yimibingelelo yoxolo ngokuqhutywa yintliziyo, malivulwe isango elibheké empumalanga, silungiselele idini laso elinyukayo, nemibingelelo yaso yoxolo, njengoko silungiselelayo ngomhla wesabatha; siphume ke; balivale isango emva kokuphuma kwaso. 13Boyilungiselela imvana emnyaka mnye, egqibeleleyo, ibe lidini elinyukayo ngemini kuYehova, balilungiselele imisó ngemisó yonke. 14Bolungiselela umnikelo wokudla kunye nalo imisó ngemisó yonke, ube sisahlulo sesithandathu se-efa, neoli ibe sisahlulo sesithathu sehin yokunyakamisa umgubo ocoliweyo; ube ngumnikelo wokudla kuYehova; leyo yoba yimimiselo engunaphakade emiyo. 15Bolungiselela imvana, nomnikelo wokudla, neoli, imiso ngemiso yonke, ibe lidini elinyukayo elimiyo.
Isikhulu nezipho
16Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Xa sithe isikhulu sampha omnye koonyana baso isipho, soba lilifa lakhe, sibe sesoonyana bakhe; yinzuzo yabó ngokwelifa. 17Xa sithe sampha omnye kubakhonzi baso isipho elifeni laso, soba sesalowo, kude kuse kumnyaka wenkululeko, sibuyele kwisikhulu; ilifa laso loba leloonyana baso bodwa. 18Isikhulu eso asiyi kuthabatha elifeni labantu, ukuze sibaxinzelele phantsi, bahlukane nenzuzo yabo. Sobadlisa oonyana baso ilifa kweyeyaso inzuzo; ukuze bangabi lusali abantu bam, elowo ahlukane nenzuzo yakhe.
Izindlu zokupheka
19Ekungeneni ngasecaleni lesango, wandisa emagumbini angcwele ababingeleli, akhangele ngentla; nanko, kukho indawo khona esiphelweni, ngasentshonalanga. 20Wathi kum, Le yindawo apho ababingeleli bophekela khona idini letyala, nedini lesono. Bosela khona umnikelo wokudla, ukuze bangaphumi nawo, baye entendelezweni engaphandle, ukuba bangcwalise abantu.
21Waphuma waya nam entendelezweni engaphandle, wandidlulisa emagumbini omané entendelezo; nanko, kukho intendelezo emagumbini onke entendelezo, iyintendelezo egumbini lentendelezo. 22Emagumbini omané ayo intendelezo ibe izintendelezo ezivaliweyo: ubude buziikubhite• ezimashumi mané, ububanzi buziikubhite ezimashumi mathathu, umlinganiso úmnye kuloo magumbi omané. 23Bekukho ucamba lwezakhiwo olujikelezileyo kuzo, lujikelezile kuzo zoné; kukho amaziko okupheka, enziwe ngaphantsi kweengcamba ngeenxa zonke. 24Wathi kum, Ezi zizindlu zokupheka, apho abalungiseleli bayo indlu baphekela khona umbingelelo wabantu.