IYerusalem ifanekiswa nomntwana ongumcholwa owaba ngumfazi ongathembekanga
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, yazíse iYerusalem amasikizi ayo, uthi, 3Itsho iNkosi uYehova kwiYerusalem, ukuthi, Ukuvela kwakho nokuzalwa kwakho kokwasezweni lamaKanan; uyihlo waye engumAmori, unyoko waye engumHetikazi. 4Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni. 5Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenzelwe noko inye kwezo zinto, ngokuba nofefe kuwe; walahlelwa endle ngokucatshukelwa kwakho ngemini yokuzalwa kwakho.
6Ndagqitha kuwe, ndakubona ugqushagqusha egazini lakhe, ndathi kuwe, Usegazini lakho njalo, phila; usegazini lakho njalo, phila! 7Ndakwenza waba yinyambalala, njengokuntshula kwentsimi; wanda, wakhula, wafika entlahleni yezidlele; waphuma amabele, bahluma uboya bakho; waye ke wena uzé kanye.
8Ke kaloku ndagqitha kuwe, ndakubona, nalo ixesha lakho lilixesha lothando. Ndatwabulula isondo lengubo yam phezu kwakho, ndabugubungela ubuzé bakho; ndakufungela, ndanqophisana nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke. 9Ke ndakuhlamba ngamanzi, ndakuhlambulula amagazi akho, ndakuthambisa ngeoli. 10Ndakwambesa ngeengubo ezimfakamfele, ndakunxiba izixathula zesikhumba sehlengezi; ndakujikelisa intloko ngelinen ecikizekileyo, ndakugqubuthela ngesilika. 11Ndakuvathisa ngesivatho, ndakufaka izacholo ezihlahleni, nemixokelelwane emqaleni wakho. 12Ndakunika ikhonkco lempumlo, namajikazi ezindlebeni zakho, nesithsaba sokuhomba entloko. 13Wavatha ke igolide nesilivere, nezambatho zakho zaba zezelinen ecikizekileyo, nezesilika, nezimfakamfele. Wadla umgubo ocoliweyo, nobusi, neoli; waba mhle kakhulu kunene, waya uphumelela ebukumkanini.
14Lwaphuma udumo lobuhle bakho lwagqiba ilizwe lonke; ngokuba bapheleliseka bona ngobungangamela bam, endabubeka phezu kwakho; itsho iNkosi uYehova.
15Wesuka wena wakholosa ngobuhle bakho, wahenyuza ngenxa yodumo lwakho; ubuhenyu bakho wabuthululela phezu kwabo bonke abadlulayo, waba ngowabo. 16Wathabatha ezingutyeni zakho; izigànga wazenzela iintente ezirhwexu, wahenyuza phezu kwazo; into ebe ingafanele kuza, ebe ingafanele kubakho. 17Wathabatha iimpahla zakho zokuhomba zegolide yam, nezesilivere yam endakunikayo, wazenzela imifanekiso engamadoda, wahenyuza nayo. 18Wathabatha iingubo zakho ezimfakamfele, wayigubungela ngazo; neoli yam nesiqhumiso sam wasibeka phambi kwayo.
19Isonka sam endakunikayo, nomgubo ocoliweyo, neoli, nobusi, izinto endakudlisayo zona, wazibeka phambi kwayo, ukuba zibe livumba elithozamisayo. Kwaba njalo; itsho iNkosi uYehova.
20Wathabatha oonyana bakho neentombi zakho, owazizalela mna, wabingelela ngazo kuyo ukuba idle. Bebubuncinane na ke ubuhenyu bakho, 21ukuba nje ubasike oonyana bam, ubanikele ngokubacandisa bona emlilweni ngenxa yayo? 22Emasikizini akho onke, nasebuhenywini bakho, akuyikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, oko ubuze kanye, ugqushagqusha egazini lakho.
23Kwaza kwathi, emva kwezo nto zakho zonke ezimbi (yeha! yeha ke wena! itsho iNkosi uYehova), 24wazakhela amanqugwala, wazenzela iindawo eziphakamileyo ezitratweni zonke. 25Emantloko eendlela zonke wazakhela iindawo zakho eziphakamileyo, wabenza ubuhle bakho balisikizi, wayithi qheke imilenze yakho kubo bonke abadlula ngendlela, wabandisa ubuhenyu bakho.
26Wahenyuza noonyana bamaYiputa, abamelwane bakho abakhulu ngenyama; wabandisa ke ubuhenyu bakho ukuze undiqumbise. 27Yabona, ndasolula phezu kwakho isandla sam, ndawunciphisa umamkeliso owumiselweyo, ndakunikela elitheni labakuthiyayo, kweleentombi zamaFilisti, ezibe ziyidanele indlela yakho yamanyala.
28Wahenyuza noonyana baseAsiriya, ngenxa yokuba unganelanga; wahenyuza ke nabo, akwanela noko. 29Wabandisela ezweni lamaKanan ubuhenyu bakho kwelamaKaledi, akwanela nayiloo nto.
30Hayi, ukuthamba kwentliziyo yakho! itsho iNkosi uYehova; ukuba wénze zonke ezo zinto, imisebenzi yenkazana ehenyuzayo, esileyo. 31Ekwakheni kwakho amanqugwala emantloko eendlela zonke, nasekwenzeni kwakho iindawo zakho eziphakamileyo ezitratweni zonke, akubanga njengehenyukazi eli, ngokusuka uwucukuceze umvuzo wobuhenyu. 32Umfazi okrexezayo wamkela abasemzini, noko angumkamntu. 33Onke amahenyukazi bawanika izipho; ke wena wazinika zonke izithandane zakho izipho zakho, wazicenga ukuze zize kuwe ngeenxa zonke ekuhenyuzeni kwakho. 34Wena okwakho ukuhenyuza kuthe kwaphambana nokwamankazana, ngokuthi ingabi nguwe olandelwayo ekuhenyuzeni; ngokuthi urhole wena umvuzo wobuhenyu, ungàrholelwa umvuzo wobuhenyu; waba ngophambileyo ke.
35Ngako oko, henyukazi, live ilizwi likaYehova. 36Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba iphalele imali yakho, batyhileka ubuzé bakho ngokuhenyuza kwakho nezithandane zakho, nangenxa yezigodo zonke zamasikizi akho, nangenxa yamagazi oonyana bakho, owabanikelayo kuzo: 37ngako oko, yabona, ndiya kuzithabatha zonke izithandane zakho owakholisana nazo, nabo bonke owabathandayo, ndawonye nabo bonke owabathiyayo, ndibahlanganise, ndikuchase ngeenxa zonke, ndibutyhile ubuzé bakho kubo, babubone ubuzé bakho bonke. 38Ndokugweba ngokugwetywa kwabakrexezikazi nabaphalazi begazi, ndikwenze wena ube ligazi lobushushu nobukhwele. 39Ndokunikela esandleni sabo, bawagungxule amanqugwala akho, bazidilize iindawo zakho eziphakamileyo, bakuhlube iingubo zakho bazithabathe iimpahla zakho zokuhomba, bakushiye uzé kanye.
40Baya kukunyusela ibandla, bakuxulube ngamatye, bakuxabele ngamakrele abo; 41bazitshise izindlu zakho ngomlilo, bazenze kuwe izigwebo emehlweni abafazi abaninzi, ndikunqumamise ungabi saba lihenyu, ungabi, sarhola umvuzo wobuhenyu. 42Ndobupholisela kuwe ubushushu bam, limke ikhwele lam kuwe, ndizole, ndingabi saqumba. 43Ngenxa enokuba ungayikhumbulanga imihla yobuncinane bakho, wesuka wangqungisana nam kwezi zinto zonke: yabona, nam ndikunika ngokwendlela yakho entlokweni yakho, itsho iNkosi uYehova, ukuze ungenzi manyala angaphezu kwamasikizi akho onke.
44Yabona, bonke abazekelisi baya kuzekelisa ngawe, besithi, Ifuzé unina intombi yakhe. 45Wena uyintombi yonyoko, odimeleyo yindoda yakhe nabantwana bakhe; wena ungudade woodade benu, abadimeleyo ngamadoda abo nabantwana babo; unyoko ngumHetikazi, uyihlo ngumAmori. 46Udade wenu omkhulu nguSamari namagxamesi akhe, ehleli ngasekhohlo kwakho; nomsakwenu omncinane kuwe, ehleli ngasekunene kwakho, yiSodom namagxamesi ayo.
47Akuhambanga ke ngeendlela zabo, wenzè ngokwamasikizi abo; ukanti ngomzuzwana wonakalisé ngaphezu kwabo ngeendlela zakho zonke. 48Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, iSodom umsakwenu, yona namagxamesi ayo, ayenzanga njengoko wenzé ngako wena namagxamesi akho. 49Nabu ke ubugwenxa beSodom umsakwenu; yabe ilikratshi, nokuhlútha sisonka, nokuchulumacha, yona namagxamesi ayo; àyabamba ngesandla abaziintsizana nabangamahlwempu. 50Babezidla, besenza amasikizi phambi kwam; ndabasusa, ndakukubona oko. 51NoSamari akonanga ngokwesiqingatha sezono zakho; waye wena uwandisile amasikizi akho ngaphezu kwakhe, wabenza amalungisa odade benu, ngamasikizi akho owenzileyo. 52Nawe, thwala ke ihlazo lakho, olibalele kodade benu. Ngezono zakho owazenza ngokumasikizi kunabo, ubenzé baba ngamalungisa kunawe; dana ke nawe, ulithwale ihlazo lakho; ekubeni ubenze amalungisa oodade benu.
53Ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, ukuthinjwa kweSodom namagxamesi ayo, nokuthinjwa koSamari namagxamesi akhe, ndokubuyisa ukuthinjwa okukuthinjwa kwakho phakathi kwabo; 54ukuze ulithwale ihlazo lakho, uzidanele izinto zonke ozenzileyo, ubathuthuzele. 55Baya kuthi abasakwenu, iSodom namagxamesi ayo, babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, noSamari namagxamesi akhe babuyele kwakwisimo sabo sangaphambili, nawe namagxamesi akho nibuyele kwakwisimo senu sangaphambili. 56ISodom umsakwenu ayibanga sifundo emlonyeni wakho ngemini yamakratshi akho; 57zingekatyhilwa izinto zakho ezimbi, njengasexesheni lesingcikivo samagxamesi akwa-Aram• nesangeenxa zonke kuye, samagxamesi amaFilisti, awakucukulayo ngeenxa zonke. 58Amanyala akho namasikizi akho uwathwele; utsho uYehova. 59Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndènza ke kuwe njengoko wenzé ngako wena, osidelileyo isifungo, ukuba uwaphule umnqophiso.
Kodwa ke uThixo uyawukhumbula umnqophiso wakhe
60Ndiya kuwukhumbula mna umnqophiso wam nawe ngemihla yobuncinane bakho, ndikumìsele umnqophiso ongunaphakade. 61Wòzikhumbula iindlela zakho, udane ekubamkeleni kwakho oodade benu, abakhulu kunawe kunye nabancinane kunawe; ndikunike babe ziintombi kuwe, noko bengengabomnqophiso wakho. 62Ndowumisa mna umnqophiso wam nawe, wazi ukuba ndinguYehova; 63ukuze ukhumbule, udane, ungabi saba nakuvula mlomo ngenxa yehlazo lakho, ekukuxoleleni kwam zonke izinto ozenzileyo; itsho iNkosi uYehova.