Ukuchaswa kwabanquli-zithixo
1Kwafika kum amadoda akumadoda amakhulu akwaSirayeli, ahlala phantsi phambi kwam.
2Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 3Nyana womntu, la madoda anyusé izigogo zawo ezintliziyweni zawo, amisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bawo; ndingàquqelwa ndiquqelwe ngawo na? 4Ngako oko thetha nawo, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, othe wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kubaprofeti: mna Yehova ndoba ngomphendulayo ngokwam, ngokobuninzi bezigodo zakhe; 5ukuze ndiyixhakamfule indlu kaSirayeli ngentliziyo yabo, ekubeni beshenxile kum bonke bephela ngezigodo zabo.
6Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Buyani nizibuyise ezigodweni zenu, nibubuyise ubuso benu kumasikizi enu onke. 7Ngokuba elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula ekundilandeleni kwakhe, wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kumprofeti ukuze aquqele kum ngenxa yakhe: mna Yehova ndomphendula ngokwam. 8Ndoyichasa loo ndoda, ndiyiphanzise ibe ngumqondiso nomzekeliso, ndimnqumle ebantwini bam; názi ukuba ndinguYehova.
9Umprofeti, xa athe wathwebeshwa, wathetha ilizwi, mna Yehova ndimrhwebeshile loo mprofeti: ndosolula isandla sam phezu kwakhe, ndimtshabalalise phakathi kwabantu bam amaSirayeli. 10Baya kubuthwala ubugwenxa babo; njengoko bunjalo ubugwenxa boquqela kuye, buya kuba njalo ubugwenxa bomprofeti lowo; 11ukuze indlu kaSirayeli ingabi sandwendwa imke ekundilandeleni kwayo; bangabi sazenza iinqambi ngezikreqo zabo zonke; babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; itsho iNkosi uYehova.
Ubukho bamalungisa abunako ukusindisa isizwe esikhohlakeleyo
12Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi, 13Nyana womntu, xa ilizwe lithe lóna kum lameneza ngobumenemene, ndasolula isandla sam phezu kwalo, ndawaphula kulo umsimelelo osisonka, ndathumela kulo indlala, ndanqumla kulo umntu nenkomo; 14ekho phakathi kwalo la madoda omathathu, ooNowa noDaniyeli noYobhi, wona abeya kuhlangula owawo umphefumlo kuphela ngobawo ubulungisa; itsho iNkosi uYehova.
15Ndingafanelana ndicandisa amarhamncwa ezweni, alihlutha abantwana, kwaba senkangala kulo, akwabakho unokucanda kulo ngenxa yamarhamncwa lawo; 16ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi, ebengayi kuhlangula nanyana nantombi; ebeya kuhlanguleka odwa; ke bekuya kuba senkangala ezweni elo.
17Nokuba ndithe ndalizisela ikrele elo lizwe, ndathi ikrele malicande kwelo lizwe, ndanqamla kulo umntu nenkomo; 18ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ebengàyi kuhlangula nyana nantombi; ngokuba ebeya kuhlanguleka wona odwa.
19Nokuba ndithe ndathumela indiyikitya yokufa kwelo zwe, ndathulula ubushushu bam phezu kwalo ngegazi, ukuze ndinqumle kulo umntu nenkomo; 20bekho phakathi kwalo ooNowa noDaniyeli noYobhi: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova bebengàyi kuhlangula nyana nantombi; bona bebeya kuhlangula owabo umphefumlo kuphela ngobabo ubulungisa.
21Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kobeka phi na ke, xa ndithe ndathumela eYerusalem zoziné izigwebo zam ezibi, ikrele, nendlala, namarhamncwa, nendyikitya yokufa, ukuze kunqumke kuyo umntu nenkomo?
22Yabonani ke, kuya kusala kuyo abasindileyo, ábaya kukhutshwa, abangoonyana neentombi; yabonani, baya kuphuma beze kuni, niyibone indlela yabo neentlondi zabo; nithuthuzeleke ngenxa yobubi endayizisela bona iYerusalem, ngenxa yento yonke endayizisela yona. 23Baya kunithuthuzela, xa niyibonayo indlela yabo neentlondi zabo; názi ukuba andifumananga ndikwènze konke endakwenzayo kuyo; itsho iNkosi uYehova.