Izivatho zobubingeleli
1Ngemisonto emsi nemfusa nebomvu benza izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; benza nezambatho ezingcwele zika-Aron, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
2Iefodi• wayenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo. 3Bayikhanda igolide yaba zizixwexwe ezicekethekileyo, bancwela imityana, ukuze bayixube emisontweni emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo. 4Iefodi bayenzela iziziba zamagxa zokuyixakatha, yaxakathwa emiphethweni yomibini; 5nombhinqo ophezu kwayo wokuyinxiba iefodi, ophuma kuyo, wawunjengokusetyenzwa kwayo; bawenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
6Benza amatye ebherilo,• abhijelwe ngomluko wegolide, akrolwa ngokukrolwa kwemisesane yokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli; 7wawabeka ezizibeni zamagxa ze-efodi, aba ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
8Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo. 9Lwaba mbombo-né, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe,• ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.
10Bafaka kulo imikrozo yaminé yamatye; ukrozo lwesardiyo,• netopazi,• nesmarado,• lwaba lukrozo lokuqala olo; 11ukrozo lwesibini lwaba yirubhi,• nesafire,• nekalikedo;• 12ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto,• neagati,• neametiste;• 13ukrozo lwesiné lwaba yikrizolite,• nebherilo, neyaspisi;• abhijelwa ngomluko wegolide ezimfakweni zawo. 14Amatye lawo amiswa ngokwamagama oonyana bakaSirayeli abalishumi elinababini, ngokwamagama abo; aba nokrolo lomsesane wokutywina, lathi elo laba negama lalo, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini.
15Benza elubengweni intsontelo ethe shinyi, umsebenzi osontiweyo ngegolide ecocekileyo. 16Benza imiluko yamibini ngegolide, namakhonkco amabini ngegolide, bawafaka loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo. 17Bazifaka iintsontelo zombini zegolide emakhonkcweni omabini asemancamini obengo; 18namancam omabini eentsontelo zombini bawafaka emilukweni yomibini, bayifaka ezizibeni zamagxa ze-efodi, ngaphambili. 19Benza amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi. 20Benza amanye amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka ezizibeni zamagxa zozibini ze-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi. 21Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
22Benza ingubo yokwaleka ye-efodi, umsebenzi womluki, yonke ngemisonto emsi. 23Umqala wengubo yokwaleka waba sesazulwini sayo, njengomqala wesigcina-sifuba; waba nomphetho owujikelezileyo umqala, ukuze ungakrazuki. 24Benza emqukumbelweni wengubo yokwaleka iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ephothiweyo. 25Benza namankenteza egolide ecocekileyo, bawabeka amankenteza phakathi kweerharnate emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza phakathi kweerharnate: 26yaba linkenteza nerharnate, inkenteza nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza; ukuba kulungiselelwe njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
27Benza iingubo zangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, umsebenzi womluki, ukuba zibe zezika-Aron noonyana bakhe; nonkontsho, ngelinen ecikizekileyo; 28neminqwazi yokuhomba, ngelinen ecikizekileyo; neebhulukhwe, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, emhlophe; 29nombhinqo, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, umsebenzi oyimfakamfele womluki, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
30Benza nembasa, isithsaba esingcwele segolide ecocekileyo, babhala phezu kwayo umbahlo ngokrolo lomsesane wokutywina, othi, INGCWELE KUYEHOVA. 31Bayifaka umtya wemisonto emsi, yanxitywa elunkontshweni phezulu, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
32Wagqitywa ke wonke umsebenzi womnquba wentente yokuhlangana. Benza oonyana bakaSirayeli njengako konke uYehova ebemwisele umthetho ngako uMoses, benjenjalo.
33Bawuzisa umnquba kuMoses: intente nempahla yayo yonke, amakhonkco ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo; 34nesigubungelo sezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, nomkhusane osithelisayo; 35netyeya yesingqino, nezibonda zayo, nesihlalo sokucamagusha; 36netafile, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa; 37nesiphatho sezibane esihle, nezibane zaso, izibane ezicwangcisiweyo, nempahla yaso yonke, neoli yokukhanyisa; 38nesibingelelo segolide, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso sokusithelisa umnyango wentente; 39nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, izibonda zaso, nempahla yaso yonke; uhehema lwesitya sokuhlambela noseko lwalo; 40namawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso sesango lentendelezo, nemitya yayo, nezikhonkwane zayo, nempahla yonke yenkonzo yomnquba, yentente yokuhlangana; 41nezambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.
42Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, bawenjalo oonyana bakaSirayeli wonke umsebenzi. 43Wawukhangela uMoses wonke umsebenzi, nango ke bewenzile; njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako, bawenjenjalo. Wabasikelela ke uMoses.