Imithetho nemimiselo eyahlukahlukeneyo
1Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe né ngemvu leyo. 2Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethawa lafa, akukho tyala lagazi kulowo. 3Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo. 4Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
5Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.
6Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.
7Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini. 8Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo,• afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo. 9Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo;• othe wagwetywa nguThixo,• wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.
10Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho ziné, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani: 11makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli. 12Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo. 13Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.
14Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele. 15Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibé ihambele ingqesho yayo.
16Xa athe umntu warhwebesha intombi engàganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe. 17Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.
18Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
19Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.
20Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.
21Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
22Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli. 23Ukuba ùthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo; 24uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlokokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
25Ukuba ùthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala. 26Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, wòyibuyisela kuye, lingekatshoni ilanga; 27kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wólala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
28UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi. 29Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike. 30Ùze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike. 31Nòba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni.