1Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa. 2Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga; 3ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
4Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.
5Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe. 6Ukukhonza kwenu makungabi ngokweliso, ngathi nithomalalisa abantu; makube ngokwabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasemphefumlweni, 7nikhonza ngentumekelelo, kukuyo iNkosi, kungekubo abantu; 8nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba ungumkhonzi nokuba ungokhululekileyo.
9Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo.
Isikrweqe somKristu
10Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. 11Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. 12Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
13Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi. 14Misani ke ngoko, níbhinqé inyaniso esinqeni senu, ninxibé isigcina-sifuba sobulungisa, 15nibophé ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. 16Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo. 17Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo; 18ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; 19nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo, 20ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
Isiphelo
21Ke kaloku, ukuze nani nikwazi okukokwam, ukuba ndinjani na, wonazisa konke uTikiko, umzalwana oyintánda, umlungiseleli othembekileyo ngokwaseNkosini; 22endimthume le nto kuni, ukuze nizazi iindaba zethu, nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu.
23Makube luxolo kubo abazalwana, nothando, ndawonye nokholo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu. 24Ubabalo malube nabo bonke abayithandayo iNkosi yethu uYesu Kristu ngokungenakonakala. Amen.