Ingoma kaMoses
1Bekani indlebe, mazulu, ndithethe;
Live ihlabathi amazwi omlomo wam;
2Ichaphàze njengemvula imfundiso yam,
Ihle njengombethe intetho yam,
Njengomkhumezelo phezu kohlaza,
Njengamathontsi phezu kotyani.
3Ngokuba ndiya kuvakalisa igama likaYehova:
Mnikeni ubukhulu uThixo wethu!
4NguLiwa; ugqibele umsebenzi wakhe,
Ngokuba zonke iindlela zakhe zisesikweni;
NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha;
Lilungisa, uthe tye yena.
5Isizukulwana esijibilizayo, esibhijeleneyo,
Sizonakalisile kuye — singenyana bakhe, sisiphako sabo.
6Nènjenje na ukumphatha uYehova?
Bantundini banobudenge, bangenabulumko,
Akanguye na uyihlo okudalileyo,
Okwenzileyo, okusekileyo?
7Khumbula iimini zasephakadeni,
Qonda iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana.
Buza kooyihlo, bakubalisele,
Kumadoda amakhulu akowenu, akuxelele.
8Ekuzabeleni kOsenyangweni iintlanga ilifa,
Ekubahlulahluleni kwakhe oonyana baka-Adam,
Wayimisa imida yezizwe
Ngokwenani loonyana bakaSirayeli.
9Kuba isabelo sikaYehova ngabantu bakhe,
UYakobi licandelo lelifa lakhe.
10Wamfumana ezweni eliyintlango,
Enyanyeni, enkangala ebhombolozayo;
Wamwola, wamondla,
Wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.
11Njengokhozi lususela,
Lundanda phezu kwamathole alo,
Wawolula amaphiko akhe, wamthabatha,
Wamthwala ngamaphiko akhe.
12Wamkhokela uYehova yedwa,
Engenathixo wolunye uhlanga naye.
13Wamkhwelisa emimangweni yehlabathi;
Wadla ke iziveliso zamasimi;
Wammunyisa ubusi engxondorheni,
Neoli eweni leqhwitha;
14Amasi eenkomo, nobisi lwempahla emfutshane,
Kunye namanqatha eemvana;
Neenkunzi zezimvu, amatakane aseBhashan, neebhokhwe,
Kunye namanqatha ezintso zengqolowa;
Negazi lediliya walisela, liyiwayini enegwebu.
15Watyeba ke uYeshurun, wakhaba;
Watyeba wena, wanesibili, wathi fithi;
Wamlahla uThixo owamenzayo,
Walenza isidenge iLiwa lokusindiswa kwakhe.
16Bamkhweletisa ngoothixo basemzini,
Bamqumbisa ngamasikizi.
17Babingelela kwiidemon ezingeThixo,
Koothixo abangabaziyo,
Kwabatsha abasandula ukufika,
Ababengabahlonele ooyihlo.
18ILiwa elakuzalayo walihilizela,
Wamlibala uThixo owaba nenimba ngawe.
19Wabona uYehova, wabalahla,
Ngokuqunjiswa ngoonyana bakhe neentombi zakhe.
20Wathi, Ndiya kubusithelisa ubuso bam kubo,
Ndibòne ukuba koba yintoni na ukuphela kwabo;
Ngokuba basisizukulwana sempenduka,
Ngoonyana abangenantembeko.
21Bona bandikhweletisa ngongeThixo,
Bandiqumbisa ngamampunge abo.
Nam ndiya kubakhweletisa ngabangebantu,
Ndibaqumbise ngohlanga olunobudenge.
22Ngokuba kuphenjwé umlilo emathatheni am;
Utsha ude use kwelingaphantsi labafileyo,
Ulidle ihlabathi neendyebo zalo,
Uvuthise iziseko zeentaba.
23Ndiya kufumba ububi phezu kwabo,
Iintolo zam ndiziphelelisele kubo;
24Omakhanywa kukulamba, omadliwa kukurhala,
Nembubhiso ekrakra.
Ndiya kubathumela izinyo lamarhamncwa,
Nobuhlungu bezinambuzane zothuli.
25Ngaphandle kophanga ikrele,
Ezingontsini kuphange izothuso,
Kufane indodana nentombi,
Kufane owanyáyo nengwevu.
26Ngendiba ndithi, Ndiya kubaphephetha,
Ndisiphelise isikhumbuzo sabo ebantwini;
27Koko ndinxungupheleyo kukuqunjiswa lutshaba,
Hleze ababandezeli babo bangaqondi;
Hleze bathi, Kuphakamé isandla sethu;
Àkwenziwe nguYehova oku konke.
28Ngokuba luhlanga oluphelelwe ngamacebo,
Tu ingqondo kubo.
29Akwaba babelumkile; ngebekuqiqa oku,
Basiqonde isiphelo sabo.
30Yo! Ebengayi kuthi na emnye kubo asukele iwaka,
Bebabini bagxothe amawaka alishumi,
Ukuba belingathengisanga ngabo iLiwa labo,
Wabanikela uYehova?
31Kuba alinjengeLiwa lethu iliwa lazo,
Iintshaba zethu zingabagwebi boko.
32Kuba umdiliya wabo ngowomdiliya waseSodom,
Ngowamasimi aseGomora.
Iidiliya zabo ziidiliya ezinobuhlungu,
Izihloko zazo zinobukrakra.
33Bubuhlungu benyushu iwayini yabo,
Yinyongo enobujorha yamaphimpi.
34Oku àkubekwe kum na,
Kwavingcelwa koovimba bam?
35Yeyam impindezelo nembuyekezo
Ngexesha lokutyibilika konyawo lwabo;
Ngokuba usondele umhla wokusindeka kwabo,
Kuyakhawuleza abakumiselweyo.
36Ngokuba úya kugweba phakathi kwabantu bakhe uYehova,
Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe,
Xa abonayo ukuba ethile amandla,
Uphelile ovalelweyo novulelweyo.
37Wóthi ke, Baphi na kaloku oothixo babo,
Iliwa ababezimela ngalo:
38Ababesidla amanqatha emibingelelo yabo,
Ababesela iwayini yeminikelo yabo ethululwayo?
Mabasuke banincede,
Kubekho isithe phezu kwenu.
39Bonani ngoku, ukuba mna ndinguye;
Tu thixo unam.
Ndiyabulala, ndidlise ubomi;
Ndiyaphalusa, ndiphilise mna;
Tu uhlangulayo esandleni sam.
40Ngokuba ndisiphakamisela emazulwini isandla sam;
Ndithi, Ndihleli nje mna ngonaphakade,
41Ukuba ndithe ndalilola ikrele lam elingumbane,
Sabambelela elugwebeni isandla sam,
Ndoyibuyisela impindezelo kubabandezeli bam,
Ndibuyekeze kubathiyi bam.
42Ndozinxilisa iintolo zam ngegazi,
Ikrele lam liyidle inyama
Ngegazi labahlatyiweyo nabathinjiweyo,
Ngentloko enesihlwitha yotshaba.
43Memelelani, zintlanga, ngenxa yabantu bakhe,
Ngokuba eliphindezelela igazi labakhonzi bakhe,
Abuyisele impindezelo kubabandezeli bakhe,
Awucamagushele ke umhlaba wakhe nabantu bakhe.
44Weza ke uMoses, wawathetha onke amazwi ale ngoma ezindlebeni zabantu, yena noYoshuwa unyana kaNun. 45Wagqiba uMoses ukuwathetha onke la mazwi kumaSirayeli onke, 46wathi kuwo, Wabekeleni iintliziyo zenu onke amazwi endiwangqinayo kuni namhla, eniya kuwamisela koonyana benu, ukuba bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo. 47Ngokuba asilizwi lilambathayo kuni eli, kuba bubomi benu; ngeli lizwi niya kuyolula imihla kuloo mhlaba niyiwelayo iYordan nisiya kuwuhlutha.
48Wathetha uYehova kuMoses kwangaloo mini, esithi, 49Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo; 50ufele entabeni oyinyukayo, uhlanganiselwe kubantu bakowenu, njengokuba wafayo umkhuluwa wakho uAron entabeni yeHore, wahlanganiselwa kubantu bakowabo; 51ngenxa yokuba namenezayo kum phakathi koonyana bakaSirayeli emanzini aseMeribha yaseKadeshe, entlango yeTsin, ngenxa yokuba ningàndingcwalisanga phakathi koonyana bakaSirayeli. 52Ngokuba wolibona ilizwe liphambili, kodwa ungangeni kulo ilizwe endilinika oonyana bakaSirayeli.