Intshayelelo
1Ngawo la ke amazwi, awawathethayo uMoses kumaSirayeli onke phesheya kweYordan entlango, eArabha, malungana noLwandle oluBomvu,• phakathi kweParan, neTofele, neLabhan, neHatseroti, neDizahabhi. 2Ziintsuku ezilishumi elinalunye ukusuka eHorebhe ngendlela yentaba yakwaSehire, ukuya eKadeshe-bharneha. 3Ngomnyaka wamashumi omané, ngenyanga yeshumi elinanye, ngolokuqala enyangeni leyo, wathetha uMoses koonyana bakaSirayeli ngako konke uYehova abemwisele umthetho ngako kubo. 4Emveni kokumbulala kwakhe uSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, obemi eAshtaroti nase-Edreyi, 5phesheya kweYordan ezweni lakwaMowabhi, waqala uMoses ukubaqononondisa lo myalelo, esithi:
UMoses ubalisa uhambo lwamaSirayeli ukususela eHorebhe ukuya kuma eKadeshe
6UYehova uThixo wethu wathetha kuthi eHorebhe, wathi, Kukade nihleli kule ntaba. 7Jikani ninduluke, niye entabeni yama-Amori, nakubo bonke abamelene nayo, eArabha, ezintabeni, nasesihlanjeni, nakwelasezantsi, nangaselwandle, ezweni lamaKanan, naseLebhanon, nide nise kuwo umlambo omkhulu, umlambo ongumEfrati. 8Khangelani, ndinisikele ilizwe. Ngenani, nakhe kwelo zwe wafungáyo uYehova kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wolinika bona, nembewu yabo emva kwabo.
9Ndathi kuni ngelo xesha, Andinakunithwala ndedwa. 10UYehova uThixo wenu unandisile; nanku namhla ningangeenkwenkwezi zezulu ukuba baninzi kwenu. 11UYehova uThixo wooyihlo makalongeze inani lenu kaliwaka kunoko lingako, anisikelele njengoko wathethayo kuni. 12Ndingáthini na ukubuthwala ndedwa ubunzima benu, nomthwalo wenu, nembambano yenu? 13Zikhangeleleni amadoda alumkileyo, aziingqondi, aziwayo, ngokwezizwe zakomawenu, ndiwamise abe ziintloko zenu.
14Nandiphendula nathi, Ilizwi olithethileyo lilungile ukuba silenze.
15Ndabathabatha ke abaziintloko zezizwe zakowenu, amadoda alumkileyo, aziwayo, ndawamisa ába ziintloko phezu kwenu: abathetheli-waka, nabathetheli-makhulu, nabathetheli-mashumi ngamahlanu, nabathetheli-mashumi ngamanye, nabaphathi, ngokwezizwe zakomawenu. 16Ndabawisela umthetho abaphathi benu ngelo xesha, ndathi, Noyilamla into ephakathi kwabazalwana benu, nigwebe ngobulungisa phakathi komntu nomzalwana wakhe, nowasemzini okuye. 17Ize ningakhethi buso ekugwebeni kwenu; ize nimphulaphule omncinane njengomkhulu, ninganxunguphaliswa bubuso bomntu; ngokuba ukugweba oku kokukaYehova. Indawo eninqabeleyo noyizisa kum, ndiyive. 18Ndaniwisela umthetho ngelo xesha ngezinto zonke enozenza.
19Sanduluka eHorebhe, sayihamba yonke laa ntlango inkulu, yoyikekayo nayibonayo, sihamba ngendlela yentaba yama-Amori, njengoko uYehova uThixo wethu wasiyalelayo, sada seza eKadeshebharneha. 20Ndathi ke kuni, Nìfikile entabeni yama-Amori, awasinikayo uYehova, uThixo wethu. 21Khangela, uYehova uThixo wakho ulinikele kuwe ilizwe elo: nyuka wakhe kulo, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuwe. Musa ukoyika, ungakwantyi nokunkwantya.
22Nasondela ke kum nina aba nonke, nathi, Masisuse amadoda, asandulele, asihlolele ilizwe elo, asizisele ilizwi lendlela esonyuka ngayo, nemizi esofika kuyo. 23Lalunga ke elo zwi emehlweni am, ndathabatha kuni amadoda alishumi elinamabini, indoda yanye esizweni. 24Ajika ke, enyuka aya entabeni, ada afika esihlanjeni sakwaEshkoli, asihlola. 25Athabatha isiqhamo selo zwe ngesandla sawo, asiphathela, asizisela ilizwi, athi, Lilizwe elihle asinikayo uYehova uThixo wethu.
26Kanti noko anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu. 27Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wásikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise. 28Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.
29Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki. 30NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu; 31nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo. 32Kanti ke nakwelo zwi anikholwanga nguYehova uThixo wenu, 33ohamba phambi kwenu endleleni, ukuba anihlolele indawo yokumisa iintente zenu, ngomlilo ebusuku; anibonise indlela enohamba ngayo, ngelifu emini.
34Waliva uYehova ilizwi lokuthetha kwenu, wanoburhalarhume, wafunga, esithi, 35Akukho ndoda, kula madoda esi sizukulwana singendawo, iya kukha ilibone ilizwe elihle, elo ndafungayo ukuba ndolinika ooyihlo, 36ingenguKalebhi unyana kaYefune; wólibona yena. Ndiya kumnika ilizwe awanyathela phezu kwalo, yena noonyana bakhe, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova.
37Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona. 38UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli. 39Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo. 40Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.
41Naphendula, nathi kum, Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu. Naxhoba ke elowo impahla yakhe yokulwa, nenza buphuthuphuthu ukunyuka intaba. 42Wathi uYehova kum, Yithi kubo, Ize ningenyuki, ize ningalwi; kuba àndikhona phakathi kwenu; hleze nigxothwe ziintshaba zenu.
43Ndathetha kuni, anaphulaphula; nawuphikisa umlomo kaYehova, nagxalathelana ukunyuka intaba. 44Aphuma ke ama-Amori ami kuloo ntaba, anihlangabeza, anichitha, axelisa iinyosi, anibetha kwaSehire, ada esa eHorma. 45Nabuya ke nalila phambi koYehova; akaliphulaphula uYehova izwi lenu, akanibekela ndlebe. 46Ngoko ke nahlala eKadeshe imihla emininzi, njengaloo mihla nayihlalayo apho.