UDaniyeli uphupha amarhamncwa amané
1Ngomnyaka wokuqala kaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli, uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esililini sakhe. Waza walibhala iphupha, waxela isimbuku sezo zinto. 2Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yominé yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu. 3Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye. 4Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu. 5Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere;• laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi. 6Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amané emhlana walo, lineentloko eziné; irhamncwa elo lanikwa igunya.
7Emveni koko ndabona emibonweni yasebusuku: nalo irhamncwa lesiné, eloyikekayo, elomeleleyo, elincamisileyo ngamandla, elimazinyo makhulu esinyithi, lisidla, liyicola, liyinyathela ngeenyawo zalo into eseleyo; laye lingafani nawo onke amarhamncwa abengaphambili kwalo; lineempondo ezilishumi. 8Ndaziqiqa iimpondo, ndabona kunyuka phakathi kwazo olunye uphondo, luluncinane, ekwancothulwa phambi kwalo ezintathu kwezokuqala iimpondo. Nanko ke, kukho kolu phondo amehlo anjengamehlo omntu, nomlomo uthetha izinto ezinkulu kakhulu.
UNyangelemihla
9Ndabona, zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo. 10Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa. 11Ndabona; ndaza ngenxa yesandi samazwi amakhulu kakhulu olwawathethayo uphondo, ndabona, lada labulawa irhamncwa, wabhujiswa umzimba walo, wanikelwa emlilweni úvutha. 12Amanye ke amarhamncwa ahlùthwa igunya lawo; noko ke bolulelwa ubomi okwethutyana nexeshana.
Unyana womntu
13Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe. 14Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.
Ukutyhilwa kwephupha
15Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba, nemibono yentloko yam yandikhwankqisa. 16Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto. 17La marhamncwa makhulu kakhulu mané ngookumkani abané, abaya kusuka beme ehlabathini. 18Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babumé ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.
19Ndaza ndanga ndingáyazi inyaniso ngeli rhamncwa lesiné, elingafaniyo namanye onke, elincamisileyo ngokoyikeka, elimazinyo asisinyithi, elimathupha alubhedu, eladla, lacola, layinyathela ngeenyawo into eseleyo; 20nangeempondo ezilishumi ezibe zisentlokweni yalo, nangolunye olwavelayo, ezawa phambi kwalo ezintathu; olo phondo lùbe lunamehlo, nomlomo obe uthetha izinto ezinkulu kakhulu; ukubonakala kwalo bekukukhulu ngaphezu kwamadlelane alo. 21Ndabona ukulwa kolu phondo nabangcwele, lwabeyisa; 22wada weza uNyangelemihla, wabagwebela abangcwele bOsenyangweni, lafika ixesha lokuba abangcwele babumé ububukumkani.
23Watsho ukuthi, Irhamncwa lesiné ke: kuya kubakho ubukumkani besiné ehlabathini, obungafaniyo bona nezikumkani zonke, bulidle ihlabathi lonke, bulinyathele, bulicole. 24Iimpondo ezilishumi ke: kuya kusuka kume kobo bukumkani ookumkani abalishumi, kusuke omnye emva kwabo; lowo akayi kufana nabaphambili; uya kuthoba ookumkani abathathu, 25athethe amazwi okuchasana nOsenyangweni, abonákalise abangcwele bOsenyangweni, acamange ngokuwenza wambi amathuba nomthetho, banikelwe esandleni sakhe ixesha namaxesha nesiqingatha sexesha. 26Ke abagwebi baya kuhlala phantsi, balisuse igunya lakhe, ukuze litshabalale lidake, kude kuse ekupheleni. 27Ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyangweni; ubukumkani bakhe bubukumkani obungunaphakade, namagunya onke aya kumbusa, amve.
28Yaza kuphela apha le nto. Mna Daniyeli, izicamango zam zandikhwankqisa kakhulu, Ibala lobuso bam laguquka ndayigcina le nto entliziyweni yam.