1Yeha ke abatyeshileyo eZiyon, nabakholose ngentaba yakwaSamari; abadumileyo ngamagama kwintlahlela yeentlanga, eza kubo indlu kaSirayeli! 2Welelani eKalene, nibone; nisuke khona niye eHamati enkulu, nihle niye eGati yamaFilisti; ukuba ilungile na loo mizi kunezikumkani; ukuba míkhulu na imida yayo kunemida yenu. 3Nina, bàba imini yokubi ikude, basondeza isihlalo sogonyamelo; 4nina, bàlele ezingqengqelweni zeempondo zeendlovu, banabe emandlalweni yabo, badle amatakane emhlambini, namathole asesitalini; 5nina, bàphololoza kukubetha umrhubhe, bazicingela ukwenza izinto zokuvuma njengoDavide; 6nina, baseli bewayini ngezitya zokutshiza zemibingelelo, bazithambise ngentlahlela yeoli, bangahlabeki kukwaphuka kukaYosefu.
Isohlwayo esoyikekayo siya kulandela
7Ngako oko baya kuthinjwa bemke ngoku, kwasentloko kubathinjwa, iphele ingxobotshane yabanabileyo.
8INkosi uYehova izifungile, utsho uYehova, uThixo wemikhosi; yathi, Lisikizi kum iqhayiya likaYakobi, ndizithiyile iingxande zakhe ezinde; ngako oko ndowunikela umzi nenzaliseko yawo. 9Kuya kuthi, ukuba kuthe kwasala amadoda alishumi ndlwini-nye, afe. 10Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wóthi yena, Thwize; ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova. 11Ngokuba, uyabona, uYehova uwisa umthetho, bayibethe indlu enkulu ibe ngamavithi, nendlu encinane ibe ziintanda.
12Amahashe ayabaleka na phezu kweengxondorha? bayalima na khona ngeenkomo? ukuba nikujike nje okusesikweni kube bubuhlungu, nesiqhamo sobulungisa sibe ngumhlonyane; 13nina bàvuyela okungelutho; bàthi, Sizenzela iimpondo ngawethu amandla. 14Ke yabonani, ndinivusela uhlanga, ndlu kaSirayeli; utsho uYehova, uThixo wemikhosi; luya kunixina, luthabathele ekuyiweni eHamati, luse esihlanjeni seArabha.