UDavide ungukumkani womdibaniso wamaSirayeli namaYuda
1Zeza zonke izizwe zakwaSirayeli kuDavide eHebron, zatsho ukuthi, Uyabona, silithambo lakho nenyama yakho. 2Kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani kuthi, ibinguwe obesakuphuma ungena namaSirayeli. UYehova wathi kuwe, Wena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli, wena uya kuba yingánga yamaSirayeli. 3Aya ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron. Wenza umnqophiso nawo ukumkani uDavide eHebron phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani wamaSirayeli.
4UDavide ubeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukwenziwa kwakhe ukumkani; waba neminyaka emashumi mané engukumkani. 5Waba ngukumkani wakwaYuda eHebron iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu; eYerusalem waba ngukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu kumaSirayeli onke namaYuda.
UDavide uthimba iYerusalem
6Ukumkani waya namadoda akwakhe eYerusalem kumaYebhusi. Abemi belo zwe bathi kuDavide, Akusayi kungena apha; kuba iimfama neziqhwala zokugxotha. Batsho beba uDavide akasayi kungena apho. 7UDavide wayithimba imboniselo yeZiyon: ngumzi kaDavide ke lowo. 8Wathi uDavide ngaloo mini, Bonke abaxabela amaYebhusi, mabaziwise engxangxasini iziqhwala kwaneemfama ezithiyekileyo emphefumlweni kaDavide. Ngenxa yoko bathi, Iimfama neziqhwala aziyi kungena endlwini.
9UDavide wahlala emboniselweni, wayibiza ngokuthi ngumzi kaDavide. UDavide wákha ngeenxa zonke, wathabathela eMilo wesa phakathi. 10Waya uDavide eba mkhulu ngokuba mkhulu, uYehova uThixo wemikhosi waba naye.
11Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathumela abathunywa kuDavide, nemisedare,• neengcibi zemithi, neengcibi zamatye eendonga; zamakhela uDavide indlu. 12Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile wangukumkani; ukuba ubuphakamisile ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.
13UDavide wabuya wazeka abafazi namashweshwe eYerusalem, emveni kokusuka kwakhe eHebron; wabuya wazalelwa oonyana neentombi uDavide. 14Ngawo la amagama abo wabazalelwáyo eYerusalem: nguShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, 15noIbhehare, noElishuwa, noNefege, noYafiya, 16noElishama, noEliyada, noElifelete.
UDavide woyisa amaFilisti
17Ke kaloku eva amaFilisti ukuba bamthambisile uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli; enyuka ke onke amaFilisti aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, wehla waya emboniselweni. 18AmaFilisti abezile, athi dwe entilini yamaRafa. 19Wabuza uDavide kuYehova, wathi, Ndinyùke na, ndiye kumaFilisti? Wòwanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuDavide, Nyuka; ngokuba ndiwanikele mpela amaFilisti esandleni sakho. 20UDavide weza eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona, wathi, UYehova uzityhobozele iintshaba zam phambi kwam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.• 21Azishiya izithixo zawo; bazithabatha uDavide namadoda akhe.
22Abuya aphinda enyuka amaFilisti, athi dwe entilini yamaRafa. 23Wabuza uDavide kuYehova, wathi yena, Uze ungenyuki; jikela emva kwawo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka.• 24Kothi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ungxamise; ngokuba wóba uphumile phambi kwakho uYehova ngela xesha, ukuba ayixabele impi yamaFilisti. 25Wenjenjalo uDavide, njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako; wawaxabela amaFilisti, wathabathela eGebha wada waya eGezere.