Ukwakhiwa kwetempile
1USolomon waqala ukuyakha indlu kaYehova eYerusalem, entabeni yeMoriya, apho uYehova wabonakala khona kuDavide uyise, endaweni awayilungisayo uDavide, esandéni sikaOrnan umYebhusi. 2Waqala ukwakha ngenyanga yesibini, ngowesibini umhla, ngomnyaka wesiné wobukumkani bakhe.
3Siso esi isiseko awasibekayo uSolomon ekuyakheni kwakhe indlu kaThixo; ubude iikubhite• ngokomlinganiso omdala bebuziikubhite ezimashumi mathandathu; ububanzi bebuziikubhite ezimashumi mabini. 4Ivaranda,• ebingaphambi kobude bendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini, ingangobubanzi bendlu, nokuphakama kwayo kwakuziikubhite ezilikhulu elinamanci mabini; wayaléka ngaphakathi ngegolide ecocekileyo. 5Indlu enkulu wayaléka ngemisipres,• wayaléka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga. 6Wayivathisa indlu ngamatye anqabileyo ukuyihombisa; igolide leyo ibiyigolide yaseParvayim. 7Wayaléka indlu, imiqadi, nemigubasi, neendonga zayo, neengcango zayo, ngegolide; wakrola iikerubhi• ezindongeni.
8Wenza indlu yengcwele kangcwele: ubude bayo, ngangobubanzi bendlu, bebuziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo bebuziikubhite ezimashumi mabini; wayaléka ngegolide entle, ekwiitalente• ezimakhulu mathandathu. 9Ubunzima bezikhonkwane bebuziishekele• ezimashumi mahlanu zegolide. Wawaleka ngegolide amagumbi aphezulu.
10Wenza endlwini yengcwele kangcwele iikerubhi ezimbini; zakrolwa ukusetyenzwa kwazo; wazaleka ngegolide. 11Amaphiko eekerubhi ubude bawo bebuziikubhite ezimashumi mabini; iphiko elinye beliziikubhite ezintlanu, lada laya kufikelela eludongeni lwendlu; nelinye iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela ephikweni leyesibini ikerubhi. 12Iphiko lenye ikerubhi beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela eludongeni lwendlu; nelesibini iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kuhlangana nephiko lenye ikerubhi. 13Amaphiko ezo kerubhi oluka iikubhite ezimashumi mabini; zema ngeenyawo, zikhangelise ubuso kuyo indlu.
14Wawenza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo; wenza iikerubhi kuwo. 15Wenza phambi kwendlu iintsika zambini: zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ubude bazo; ingqukuva esemantloko azo ibiziikubhite ezintlanu. 16Wenza izidanga emqaleni, wazibeka emantloko eentsika; wenza ikhulu leerharnate, wazibeka ezidangeni. 17Wazimisa iintsika phambi kwetempile, enye yangasekunene, enye yangasekhohlo; wathi igama leyasekunene nguZinzisayo, negama leyasekhohlo nguMandlakuye.