Ulawulo lukaYehoshafati
1UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; womelela, wawachasa amaSirayeli. 2Wabeka imikhosi emizini yonke enqatyisiweyo yakwaYuda, wamisa iikampu elizweni lakwaYuda, nasemizini yakwaEfrayim, awayithimbayo uAsa uyise. 3UYehova wabo noYehoshafati; ngokuba wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, ezokuqala zona; akabaquqela ooBhahali;• 4ke waquqela uThixo kayise, wahamba ngemithetho yakhe; akahamba ngezenzo zakwaSirayeli. 5UYehova wabuzinzisa ubukumkani bakhe esandleni sakhe; onke amaYuda azisa iminikelo kuYehoshafati; waba nobutyebi nozuko ngokukhulu. 6Yaphakama intliziyo yakhe ezindleleni zikaYehova; kananjalo wazisusa izigánga nooAshera• kwaYuda.
7Ngomnyaka wesithathu wokuba ngukumkani kwakhe, wabathumela abathetheli bakhe, uBhen-hayile, no-Obhadiya, noZekariya, noNataniyeli, noMikaya, ukuba bafundise emizini yakwaYuda; 8benabaLevi, uShemaya, noNetaniya, noZebhadiya, noAsaheli, noShemiramoti, noYehonatan, noAdoniya, noTobhiya, noTobhadoniya, abaLevi ke abo; benoElishama noYehoram ababingeleli. 9Bafundisa ke kwaYuda, benencwadi yomyalelo kaYehova, bayijikeleza imizi yonke yakwaYuda, bebafundisa abantu.
10Zonke izikumkani zamazwe ajikelezé amaYuda zangenelwa kukoyika uYehova, àzalwá noYehoshafati. 11NakumaFilisti babekho abazìsa iminikelo nemithwalo kuYehoshafati yesilivere; kananjalo ama-Arabhi ázisa kuye impahala emfutshane, amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeebhokhwe.
12UYehoshafati waya eba mkhulu ngokuba mkhulu, wada wenyuka wákha kwaYuda iinqaba nemizi engoovimba. 13Waye enempahla eninzi emizini yakwaYuda; wayenamadoda okulwa, amagorha anobukroti, eYerusalem. 14Kuko oku ukulandelana kwawo ngokwezindlu zooyise: kwaYuda abathetheli bamawaka nguAdena umthetheli, enamakhulu amathathu amawaka amagorha anobukroti; 15nganeno kwakhe nguYehohanan umthetheli, enamakhulu amabini anamanci asibhozo amawaka; 16nganeno kwakhe nguAmasiya unyana kaZikri, owazinikela kuYehova ngokuqhutywa yintliziyo, enamakhulu amabini amawaka amagorha anobukroti. 17KumaBhenjamin nguEliyada, igorha elinobukroti, enamakhulu amabini amawaka axhobe izaphetha neengweletshetshe; 18nganeno kwakhe nguYozabhadi, enekhulu elinamanci asibhozo amawaka axhobele imfazwe. 19Ngabo abo babekhonza kukumkani; bebodwa abamisiweyo ngukumkani emizini enqatyisiweyo kwelakwaYuda lonke.