Iindidi zamagosa etempile
1Ke amaqela abamasango: kumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore, kubo oonyana baka-Asafu. 2KuMeshelemiya, oonyana yayingooZekariya owamazibulo, noYedihayeli owesibini, noZebhadiya owesithathu, noYateniyeli owesiné, 3noElam owesihlanu, noYohanan owesithandathu, noEliyohenayi owesixhenxe. 4KuObhedi-edom, oonyana yayinguShemaya owamazibulo, noYozabhadi owesibini, noYowa owesithathu, noSakare owesiné, noNataniyeli owesihlanu, 5noAmiyeli owesithandathu, noIsakare owesixhenxe, noPehuletayi owesibhozo; ngokuba uThixo ebemsikelele uObhedi-edom. 6Ke nakuShemaya, unyana wakhe, kwazalwa oonyana abalawula indlu kayise; ngokuba babengamagorha anobukroti. 7Oonyana bakaShemaya ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabazalwana bakhe, amadoda anobukroti, uElihu noSemakiya. 8Bonke abo bakoonyana bakaObhedi-edom, bona noonyana babo, nabazalwana babo, amadoda avileyo, enamandla enkonzweni, bebengamashumi amathandathu anababini kuObhedi-edom. 9UMeshelemiya ube enoonyana nabazalwana, amadoda anobukroti, ilishumi elinesibhozo. 10KwanoHosa, wakoonyana bakaMerari, ubenoonyana: inguShimri inkulu (ngokuba waye engengowamazibulo, noko ke uyise wamenza inkulu), 11noHilekiya owesibini, noTebhaliya owesithathu, noZekariya owesiné; bebonke oonyana nabazalwana kuHosa baba lishumi elinabathathu. 12Loo maqela abamasango, iinkulu zamagorha, zaphathiswa izigxina kunye nabazalwana babo, ukuba balungiselele endlwini kaYehova.
13Bawisa amaqashiso, ngomncinane nangomkhulu ngokufanayo, ngokwezindlu zooyise, isango ngesango. 14Iqashiso elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Ke uZekariya unyana wakhe, umphakathi oqiqileyo, bamwisela amaqashiso, laphuma iqashiso lakhe lilelangasentla; 15elikaObhedi-edom laba lelangasezantsi; eloonyana bakhe laba lelovimba. 16ElooShupim noHosa laba lelangasentshonalanga, kunye nesango leShalekete emendweni onyukayo, umlindo umalunga nomlindo. 17Ngasempumalanga babebathandathu abaLevi; ngasentla bebané imihla ngemihla; ngasezantsi bebané imihla ngemihla; kovimba baba ngababini ngababini. 18Emaphandleni ngasentshonalanga babané emendweni, bababini ngaphandle. 19Ngawo lawo amaqela abamasango, koonyana bamaKora, nakoonyana bakaMerari.
20Ke abaLevi, abazalwana babo, baphatha ubuncwane bendlu kaThixo, nobuncwane bezinto ezingcwele. 21Oonyana bakaLadan, bengoonyana bamaGershon alunge kuLadan, iintloko zezindlu zooyise zakwaLadan umGershon: nguYehiyeli. 22Koonyana bakaYehiyeli, nguZetam noYoweli umninawa wakhe abaphethe ubuncwane bendlu kaYehova. 23Kuma-Amram, kumaItsare, kumaHebron, kumaUziyeli: 24uShebhuweli, unyana kaGershom unyana kaMoses, ebeyingànga yobuncwane. 25Abazalwana bakhe bakwaEliyezere nguRehabhiya unyana wakhe, noYeshaya, unyana wakhe, noYoram unyana wakhe, noZikri unyana wakhe, noShelomoti unyana wakhe.
26Lo Shelomoti nabazalwana bakhe baphathiswa bonke ubuncwane bezinto ezingcwele, abezingcwalisile uDavide ukumkani, neentloko zezindlu zooyise, nabathetheli bamawaka nabamakhulu, nabathetheli bomkhosi. 27Okwemfazwe nokwamaxhoba, kwangcwaliselwa ukuba kulungise indlu kaThixo. 28Zonke izinto abezingcwalisile uSamuweli imboni, noSawule unyana kaKishe, noAbhinere unyana kaNere, noYowabhi unyana kaTseruya, zonke izinto abezingcwalisile nabani, zaba phantsi kwesandla sikaShelomoti nabazalwana bakhe.
29KumaItsare, uKenaniya noonyana bakhe baphathiswa umsebenzi wangaphandle kwaSirayeli, wababhali nabagwebi. 30KumaHebron, uHashabhiya nabazalwana bakhe, amakroti aliwaka elinamakhulu asixhenxe, babephethe umsebenzi wokuvelela amaSirayeli anganeno kweYordan ngasentshonalanga, emsebenzini wonke kaYehova, nasenkonzweni yokumkani. 31KumaHebron uYeriya ebeyintloko (kumaHebron ngokweenzalo zawo ngokooyise. Ngomnyaka wamashumi omané wobukumkani bukaDavide, kwafunwa, kwafunyanwa kuwo amagorha anabukortie Yazere yaseGiliyadi). 32Nabazalwana bakhe, amakroti angamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, ooyise bezindlu, uDavide ukumkani wabenza abaphathi bamaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ezintweni zonke zikaThixo, nasezintweni zokumkani.