1MAKUBE nzima kwesigwenxa, kwesidyojiweyo, kwesibandezelayo isixeko! 2Aseva ilizwi, asamkela ululeko; asatembela kuyehova, asasondela kutixo waso. 3Inkosana zaso pakati kwaso zizingonyama ezikonyayo; abagwebi baso bazincu̔ka zokuhlwa; abaṙwenyi amatambo kwakusa. 4Abaprofite baso bangabazidlayo, bangamadoda ahanahanisayo; abaperisite baso banco̔lisile okuyingcwele; bapete umteto ngobudlwengu. 5Uyehova, olungileyo, upakati kwaso; akenzi ubumenemene: ngemiso ngemiso uyabeka ubugwebo bake ekukanyeni, abusweleki; kodwa olimenemene akakwazi ukudana. 6Izizwe ndizinqamlile; amagumbi odonga azo aci̔takele; izitarate zazo ndizenzile bunxuwa, kungeko odlulayo: izixeko zazo zici̔tiwe, zingenamntu; akuko ohlala kuzo. 7Ndati: Okunene uya kwoyika mna, uya kwamkela ululeko; ukuze intlalo yaso inganqanyulwa, njengako konke endibe ndikumisele sona; kodwa bavuka kusasa, bazonakalisa zonke izenzo zabo.
8Ngako oko, ndilindeni, utsho uyehova, emhleni ndivukelayo amaxoba; ngokuba ngumgwebo wam ukubuta izizwe, ukuhlanganisa izikumkani, ukutulula pezu kwazo ukuṙala kwam, kwa bonke ubushushu bengqumbo yam; ngokuba umhlaba wonke uya kudliwa ngumlilo wekwele lam. 9Ngokuba oko ndiya kuguqulela ebantwini inteto engcwele, ukuba bonke babize egameni likayehova, bamkonze ngokuvumelana. 10Bevela pesheya kwemilambo yase‐Tiyopiya, abakungi bam, intombi yabapangaleleyo bam, baya kuzisa umnikelo wam. 11Ngomhla lowo akuyi kudana ngenxa yazo zonke izenzo zako, ogqitileyo ngazo ngakum; ngokuba oko ndiya kususa pakati kwako abavuyeleli bako abaner̔atshi; waungasayi kupinda ube nokuqanqalaza entabeni yam engcwele. 12Ndandiya kushiya pakati kwako abantu abalulamileyo ababuhlwempu, abaya kutemba egameni likayehova. 13Boti o‐Sirayeli abaseleyo abayi kubenza ubumenemene; abayi kuteta ubuxoki; kanjako ulwimi olukohlisayo aluyi kufunyanwa emlonyeni wabo; koko baya kudla balale pantsi, kungeko oya kuboyikisa.
14Cula, ntombi yase‐Ziyone! danduluka, Sirayeli! vuya ugcobe ngentliziyo yonke, ntombi yase‐Yerusaleme! 15Uyehova ususile imigwebo yako; udedisile utshaba lwako: ukumkani wo‐Sirayeli, uyehova, upakati kwako; akusayi kuba sabona ilishwa. 16Ngomhla lowo kwotiwa kwi‐Yerusaleme: Ungoyiki; nakwi‐Ziyone: Mazingapolelwa izandla zako. 17Uyehova, utixo wako, upakati kwako, onamandla, osindisayo; uya kugcoba pezu kwako ngovuyo, woti cwaka elutandweni lwake; uya kuvuyelela pezu kwako ngokucula. 18Ndiya kubuta abalusizi ngawo umtendeleko, abavela kuwe; betweswe lugxekwa ngenxa yawo. 19Bona ke, ngexesha elo ndiya kugqibela bonke ababandezeli bako; kanti abaqwalelayo ndobasindisa, nabagxotiweyo ndobahlanganisa; ndandiya kubenzela udumo negama, kuwo onke amazwe badanisiwe kuwo. 20Ngeloxesha ndiya kuningenisa, kwa ngexesha lokunihlanganisa kwam; ewe, ndiya kunenzela igama nodumo pakati kwabo bonke abantu bomhlaba, xeshekweni ndibuyisayo ukutinjwa kwenu pambi kwamehlo enu, utsho uyehova.