U‐Zekariya 4
1YABUYA ingelosi eyateta nam yandivusa, njengomntu ovusiweyo ebutongweni bake, 2yati kum: Ubona nto nina? Ndati: Ndibona nje, kekaloku nantsi ikandelare yegolide ipela, inendebe yayo pezu kwentloko yayo, nezibane zayo ezisixe̔nxe pezu kwayo, namabobo asixe̔nxe kuzo izibane ezipezu kwentloko yayo; 3neminquma emibini ngakuyo, omnye ngasekunene kwendebe, nomnye ngasekohlo kwayo. 4Ndaza ndapendula ndateta kwingelosi eyateta nam, ndisiti: Ziyinto nina ezi, nkosi yam? 5Yapendula ingelosi eyateta nam, yati kum: Akwazi na into ziyiyo ezi? Ndaye ndisiti: Hai, nkosi yam! 6Yaza yapendula yateta kum, isiti: Eli lilizwi likayehova kuye u‐Zerubabeli, lisiti:
Akungobuṙoti, akungamandla, kungo moya wam, utsho uyehova wemikosi. 7Ungubanina wena, ntaba nkulu? Ebusweni buka‐Zerubabeli woba litafa: waeya kuvelisa ilitye eliyintloko ngendanduluko zokuti: Ufefe! ufefe lube kulo!
8Kanjako ilizwi likayehova leza kum, lisiti:
9Izandla zika‐Zerubabeli ziyisekele indlu le, nezandla zake zoyigqiba; naniya kwazi ukuba uyehova wemikosi unditumile kuni. 10Ngokuba ngubanina owudelileyo umhla wezinto ezincinane? ngokuba lamehlo asixe̔nxe kayehova, lawo asingasingayo kuwo wonke umhlaba, ebevuya akubona iplumete esandleni sika‐Zerubabeli.
11Ndaza ndapendula ndati kuyo: Iyinto nina leminquma mibini ngasekunene kwekandelare nangasekohlo kwayo? 12Ndapendula ngokwesibini ndati kuyo: Ziyinto nina ezombaxa zombini zeminquma, eziti ngawo amabobo omabini egolide ziku̔pe ioli eyigolideṙa kwa kuzo? 13Yaza yateta kum, isiti: Akwazi na into ziyiyo ezi? Ndati: Hai, nkosi yam! 14Yandula yati: Ezi zingabatanjisiweyo ababini, abemiyo pambi kwenkosi yomhlaba wonke.
Bible Society of South Africa 1902