U‐Zekariya 3
1YANDULA yandibonisa u‐Yoshuwa, umperisite omkulu, emi pambi kwayo ingelosi kayehova, no‐Satane emi ngesokunene isandla sake ukummela.
2Wayesiti uyehova ku‐Satane: Uyehova makakukalimele, kwa uyehova oyiqashileyo i‐Yerusaleme makakukalimele: lo asi siso isikuni esinyotulweyo emlilweni na?
3Kekaloku u‐Yoshuwa ebevete ingubo ezinco̔lileyo, wema pambi kwengelosi. 4Wandula wapendula wateta kubo abebemi pambi kwake, esiti: Tulani ingubo ezinco̔lileyo kuye. Wayesiti kuye: Kangela, ityala lako ndilisusile kuwe, ndandiya kukuvatisa izambato ezicikizekileyo. 5Ndaza ndati: Mababeke unkontsho olumsulwa pezu kwentloko yake. Bandula babeka unkontsho olumsulwa pezu kwentloko yake, bamvatisa ingubo. Yabe ingelosi kayehova imi kona. 6Yaza ingelosi kayehova yanqi̔nisa ku‐Yoshuwa, isiti:
7Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ukuba uya kuhamba ezindleleni zam, nokuba uya kugcina isigcinelo sam, uya kwandula ugwebe indlu yam, namabala am uwagcine; ndandiya kukunika abakokeli pakati kwaba abemiyo apa. 8Yiva ke, Yoshuwa, mperisite omkulu! wena, nabalingane bako abahlala ebusweni bako: (ngokuba bengamadoda okuqondisa bona:) ngokuba, bona ke, ndiya kuvelisa isicaka sam esi— lisebe. 9Ngokuba, bona ke, ilitye endilibekileyo ebusweni buka‐Yoshuwa, pezu kwelitye linye kwoba ngamehlo asixe̔nxe: bona ke, ndiya kuqingqa isiqingqwa salo, utsho uyehova wemikosi; ndandiya kukwelelisa ityala lelizwe elo ngamini nye. 10Ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi, niya kumema abanye ngabanye abamelwane babo, ngapantsi kwomti weveyine, nangapantsi kwomkiwane.
Bible Society of South Africa 1902