U‐Zekariya 2
1NDAZA ndapakamisa amehlo am, ndakangela, kekaloku nantsiya indoda inentambo yokulinganisa esandleni sayo. 2Ndaza ndati: Uya ngapina? Yayisiti kum: Ndiya ukulinganisa i‐Yerusaleme, ndibone ububanzi bayo bungakananina, nobude bayo bungakananina.
3Kekaloku bona ke, ingelosi eyateta nam yapuma, yaza yapuma enye ingelosi ukuyikaulela. 4Yayisiti kuyo: Gitshima, utete kulendodana, usiti:
I‐Yerusaleme iya kumiwa njengamapandle, ngenxa yobuninzi babantu nenkomo ezikuyo. 5Ndandiya kuba ludonga lwomlilo kuyo, utsho uyehova, ngento engqongayo; ndoba bubungewalisa pakati kwayo kanjalo.
6Hoi, hoi! sukani, nisabe elizweni lasenode, utsho uyehova; ngokuba njengemimoya yomine yezulu ndinipangalalisile, utsho uyehova. 7Hoi, Ziyone! zisindise, ohlalayo nentombi yase‐Babilone. 8Ngokuba esitsho uyehova wemikosi ukuti: Emveni kwobungcwalisa, unditumile ezizweni ezanipangayo; ngokuba onicu̔kumisayo nina, elucu̔kumisa ukozo lweliso lake. 9Ngokuba, bona ke, ndiya kuvivinya isandla sam ngakuzo, zaziya kuba ngamaxoba kwizicaka zazo; naniya kwazi nina ukuba uyehova wemikosi unditumile.
10Cula uvuye, ntombi yase‐Ziyone! ngokuba, bona ke, ndisiza, ndandiya kuhlala pakati kwako, utsho uyehova. 11Kanjako izizwe ezininzi zozibandakanyela kuyehova ngomhla lowo, zibe ngabantu bam; ndandiya kuhlala pakati kwako, wauya kwazi ukuba uyehova wemikosi unditumile kuwe. 12Andule uyehova afuye u‐Juda isabiwo sake elizweni eliyingcwele, abuye aqashe i‐Yerusaleme.
13Uluntu lwonke maluti tu pambi kwoyehova; ngokuba evukile ekayeni lake eliyingcwele.
Bible Society of South Africa 1902