1ZIVULE, Lebanone! ingcango zako, uze umlilo utshise isedare zako. 2Lila, wena beroshe! ngokuba isedare iwile, ngokokuba amangangamsha eci̔tiwe; lilani, nina ziyeke zase‐Bashane! ngokuba ihlati elinqatyisiweyo lihlile pantsi. 3Kuko ilizwi lokulila kwabalusi, ngokuba ubungangamsha babo buci̔tiwe: kuko ilizwi lokukonya kwengonyama ezintsha, ngokuba ir̔atshi le‐Yoredane lici̔tiwe.
4Utsho uyehova, utixo wam, ukuti: Yalusa igusha zokuxe̔lwa; 5abati abafuyi bazo bazixe̔le, kodwa abanikwa ityala; nabo abatengisa ngazo, bonke bati: Makadunyiswe uyehova, ndityetyisiwe nje! nabalusi bazo, akuko namnye onenceba ngakuzo. 6Ngokuba ndingayi kubuya ndibe nenceba ngakubo abemi belizwe, utsho uyehova; kodwa bona ke, ndiya kunikela amadoda amanye ngamanye esandleni sommelwane wawo, nasesandleni sokumkani wawo: babeya kuci̔takalisa ilizwe, ndaye ndingayi kuwahlangula esandleni sabo.
7Ndazalusa igusha zokuxe̔lwa, igusha ezilusizi kunene! Ndaza ndazitabatela intonga zambini; enye ndayibiza ngokuti lufefe; nenye ndayibiza ngokuti zimbopelelo; ndazalusa igusha ke. 8Kanjalo abalusi abatatu ndabanqamla pakati kwenyanga nye; wati umpefumlo wam wabacapukela, wati nompefumlo wabo wanditiya. 9Ndaza ndati: Andiyi kunalusa: leyo iza kufa, maife; naleyo iza kunqanyulwa, mainqanyulwe; neziseleyo, maiti enye idle inyama yenye.
10Ndaza ndayitabata intonga yam elufefe, ndayinqumla kubini, ukuze ndilwapule ucebano lwam endibe ndilwenzile nabantu bonke. 11Lwaye lusapulwa ngalomhla; zaza igusha ezilusizi kunene, ezandilumkelayo, zakwazi ukuba lilizwi likayehova. 12Ndaye ndisiti kubo: Ukuba kulungile emehlweni enu, nikani umvuzo wam; ukuba akulungile, niyeke. Bandula balinganisela umvuzo wam amaqosha esilivere angamashumi matatu. 13Waza uyehova wati kum: Yiposele kumbumbi, — inani elikulu nje endenzelwayo inani ngabo! Ndaza ndatabata lomaqosha esilivere engamashumi matatu, ndayiposela endlwini kayehova, kumbumbi.
14Ndandula ndayinqumla kubini intonga yam yesibini, ezimbopelelo, ukuze ndiqipule ubuzalwana pakati kwo‐Juda no‐Sirayeli.
15Wayesiti uyehova kum: Yiti kanjako uzitabatele impahla zomalusi osidenge. 16Ngokuba, bona ke, ndiya kuvusa umalusi elizweni; ezo ziza kunqanyulwa akayi kuya kuzikangela, elahlekileyo akayi kuyifuna, neyapukileyo akayi kuyipolisa, emiyo akayi kuyonga; kodwa uya kuyidla inyama yezityebileyo, nempupu zazo woziṙazula. 17Kwoba nzima kumalusi ongendawo oshiyayo umhlambi! isiṙele soba pezu kwengalo yake, napezu kweliso lake lokunene; ingalo yake yogqibela ukushwabana, neliso lake lokunene logqibela ukuba luzizi.