U‐Zekariya 10
1YICELENI kuyehova imvula ngexesha lemvula yasemva: uyehova uyayenza imibane, nomvumbi wemvula uyawunika kubo, enika kwabanye ngabanye inca ezindleni. 2Ngokuba iterafi zibe ziteta okungento, nabalauli bebebona ubuxoki; batyela amapupa angendawo, bafumana betutuzela; ngako oko bemka njengegusha, babandezelwa, ngokuba bekungeko umalusi. 3Ingqumbo yam yavuta ngakubo abalusi, ndababeta abakokeli: koko uyehova wemikosi ekangele umhlambi wake, indlu ka‐Juda, wabenza njengehashe lake elomeleleyo ekulweni. 4Kwovela kuye ilitye legumbi, kwovela kuye isikonkwane, kwovela kuye isipeta sokulwa; kwopuma kuye bonke abapati kwa kunye. 5Boba njengamagoṙa anyatelayo intshaba eludakeni lwezitarate ekulweni; babeya kulwa, ngokuba uyehova enabo, nabakweli bamahashe baya kudaniswa.
6Kanjalo ndiya kuyomeleza indlu ka‐Juda, nendlu ka‐Josefe ndoyisindisa; ndobuya ndibahlalise, ngokuba ndinenceba kubo; babeya kuba njengokungati bendingabalahlanga; ngokuba mna Yehova ndi ngutixo wabo, ndandiya kubapulapula. 7No‐Frayime bona boba njengoligoṙa; intliziyo yabo yovuya, njengabasela iveyine; ewe, abantwana babo bobona, bavuye ke; intliziyo yabo yogcoba kuyehova. 8Ndobalozela, ndibabute, ngokuba ndibakulule; babeya kwanda, njengokuba bebesanda pambili. 9Nakuba ndibahlwayele pakati kwezizwe, baya kundikumbula noko emazweni akude; babeya kupila kunye nabantwana babo, babuye ke. 10Ngokuba ndiya kubabuyisa elizweni le‐Jipete, ndibabute nase‐Asiriya; ndandiya kubazisa elizweni le‐Gileyadi ne‐Lebanone, kodwa aliyi kubanela. 11Waeya kuwela ulwandle ngosizi, awabete amaza pakati kwolwandle, nazo zonke inzulu zomlambo ziya kwoma; ir̔atshi le‐Asiriya liya kuhliswa pantsi, nentonga ye‐Jipete iya kumka. 12Ndandiya kubomeleza ngoyehova, nasegameni lake baya kuhambahamba, utsho uyehova.
Bible Society of South Africa 1902