Ingoma ka‐Solomone 4
1Bona ke, umhle, sihlobokazi sam! bona ke, umhle; amehlo ako ngamahobe ngasemva kwesigqubutelo sako; inwele zako zinjengomhlambi webokwe ezibonakalayo entabeni ye‐Gileyadi. 2Amazinyo ako anjengomhlambi wegushakazi ezicetyiweyo, ezinyukayo endaweni yokuhlambela, eziti zonke ngezinye zizale amawele, nekungeko pakati kwazo efelweyo. 3Udebe lwako lunjengomsonto wesibomvu, nomlomo wako unobuhle; isidlele sako sinjengeqezu legranate ngasemva kwesigqubutelo sako. 4Intamo yako injengenqaba ka‐Davide, eyakelwa izixo̔bo; amakakana aliwaka axo̔mekile pezu kwayo, intlobo zonke zamakaka amaṙoti. 5Amabele ako omabini anjengamatole mabini engamawele ebadikazi, adlayo pakati kwazo inyibiba.
6Xeshekweni kupola imini, abaleke amatunzi, ndoya entabeni yemore, nasendulini yentlakamhlope.
7Umhle kanye, sihlobokazi sam! akuko bala kuwe. 8Wopuma nam e‐Lebanone, mtshakazi! wopuma nam e‐Lebanone; uya kusuka engcotsheni ye‐Amana, engcotsheni ye‐Shenire ne‐Heremone, ezindaweni zokuhlala zengonyama, ezintabeni zezingwe. 9Undikalipisile, dade wam, mtshakazi! undikalipisile, ngelinye lamehlo ako, ngesambalo sinye sentamo yako. 10Lumnandi kangakananina utando lwako, dade wam, mtshakazi! lulungile kangakananina utando lwako ngapezu kweveyine! nevumba lamafuta ako ngapezu kwezimnandi zonke! 11Udebe lwako, mtshakazi! luyatontsela incindi; ubusi nobisi lungapantsi kwolwimi lwako; nevumba lezivato zako linjengevumba le‐Lebanone. 12Usisitiya esivalelweyo, dade wam, mtshakazi! ulitende elivingcelweyo, umtombo oncanyatiselweyo. 13Izityalo zako zingumyezo wegranate, kunye neziqa̔mo ezimnandi; ikofere, kunye nenadusi; 14inadusi nesafrone, ikalame nekinamone, kunye nemiti yonke yentlakamhlope; imore neyahali, kunye nezimnandi zonke ezidumileyo; 15umtombo wezitiya, iqula lamanzi apilileyo, nezelo zivela e‐Lebanone. 16Vuka, moya wasenode! uze ke, moya wasesuyide! qutela isitiya sam, apume ke amavumba aso amnandi.
Masingene esitiyeni saso isitandwa sam, sidle iziqa̔mo zaso ezimnandi.
Bible Society of South Africa 1902